UPeter Shalulile usebenzela ukuqwabaza irekhodi likaMbesuma

UPeter Shalulile ngumdlali ophambili kwiMamelodi Sundowns. Umfanekiso: Gerhard Duraan/BackpagePix

Ifolosi yeMamelodi Sundowns, uPeter Shalulile, ithi izimisela ukufaka amagowuli angaphezulu kunalawo awafake kwisizini egqithile. UShalulile, waseNamibia ngokuzalwa, yeyona folosi eyingozi neyoyikwazyo ebholeni yaseMzantsi Afrika ngenxa yendlela emangalisayo efaka ngayo amagowuli. Emva kwebathwana lemidlalo elithoba yeDStv Premiership neMTN8, uShalulile ufake amagowuli asixhenxe kwaye uthi ufuna kuthi kuphela isizini abe ewafake ngokuphindeneyo. Kwisizini yakhe yesibini, uShalulile ubhakuzelise umnatha amatyeli angamashumi amabini anethoba emidlalweni engamashumi amane anesibhozo.

Yiyo lo nto abantu abaninzi bengothukanga xa efumana iwonga lomdlali wenyanga oqaqambileyo kwiPSL kwiveki ephelileyo. “Ekupheleni kwesizini, ndifuna ukuba senkcochoyini neqela kuzo zonke iindebe kwaye ndinethemba lokufaka amagowuli angaphezulu kwendiwafake kwisizini egqithileyo,” utshilo uShalulile emva kokwamkela iwonga. Njengokuba indedeba yaseNamibia izimisela ukuqwabaza irekhodi likaCollins Mbesuma esengumdlali weKaizer Chiefs xa kuphela isizini, kwakufuneka ifake okungenani amagowuli angamashumi amabini anesihlanu. Ingenzeka lo nto? Ewe, ukuba indlela adlala ngayo ayiguquki, uShalulile angayenza ngoba ugqongwe ngabadlali abasemgangathweni ophezulu.

“Akukho nto itshintshileyo, ndisengula Shalulile ozinikeleyo emsebenzini wakhe omamela abaqeqeshi bakhe. Kugquba umoya omhle enkampini, siyasebenzisana kwaye siyahloniphana. Sisoloko silangazelela ukuqhuba kakuhle emidlalweni yethu. Ndicinga ukuba nantoni ingenzeka kule isizini,” utshilo uShalulile. Emva kokubambana ne-AS Maniema Union ngo’2-2 emdlalweni weCAF Champions League, iSundowns iya emdlalweni wesibini inomsebenzi ofuna ukwenziwa nangona inegowuli lebhasela elifumene emdlalweni obukude nekhaya. Kwiveki ezayo, iDowns iza kudlalela ukuphumelela iMTN8 Cup enethuba ingasayifumani.