UPhakamani Mahlambi ubulela ubhuti wakhe

UPhakamani Mahlambi ebhiyozela igowuli lakhe. Umfanekiso: BackpagePix

Ifolosi yeBidvest Wits, uPhakamani Mahlambi, ibuyele kwibhola ekhatywayo ngesikhulu isitshingitshane – kodwa ayiyilibalanga indawo eyafumana kuyo uncedo. Le ndedeba ifake amagowuli amabini xeshikweni iWits ivuthulula iFree State Stars ngamagowuli amathathu (3-0) kumdlalo we-Absa Premier Soccer League izolo.

Lo kaMahlambi uchongwe njengomdlali oqaqambileyo, kwakulo kumdlalo, ibingowokuqala wakhe emva kokuhlala iinyanga eziliqela ngaphandle kokudlala ibhola – eyona ayithandayo.

UMahlambi wonzakala kakubi – kodwa ngethamsanqa lakhe uncedo walufumana kubhuti wakhe ogama linguMthobisi. Le ndedeba yanika uPhakamani isicwibi selungu lomzimba esamncedayo ukuze aphile.

Eso sisizathu esibangele uPhakamani anike ubhuti wakhe imbasa yomdlali oqaqambileyo ayifumene kumdlalo wayizolo.

“Bekumzima kakhulu kum ukubuyela emdlalweni, ndincedwe ngabanye abadlali ke kambe. Ndizimisele ukulinceda iqela lam kwakhona kwimidlalo ezayo,” utshilo uMahlambi kumabonakude izolo emva komdlalo.

Igowuli lalo mdlali lokuqala lize ngepenela emva kokuwiswa kwakhe phantsi. Ngoba ungumdlali ozithembileyo futhi osoloko enxanelwe impumelelo ucele ukuyikhaba ngokwakhe. “Le ibiyipenela yam yokuqala, zona ndiyazikhaba xa sikuqeqesho – asinto intsha kum,” utshilo uMahlambi.

Kwelinye icala i-Ajax Cape Town inqolobele iBloemfontein Celtic enkundleni yayo izolo ngo’3-0. Ziziphumo ezikhuthazayo ezi kwi-Ajax ezama ukuguqula izinto emva kwesiqalo esingancumisiyo kule sizini ka’2016/17. Umqeqeshi weli qela laseKapa, uStanly Menzo, uzamkele ngezandla ezishushu ezi ziphumo.

“Kwisiqingatha sokuqala sidlale sizibambile, into esiyenzileyo kukusebenzisa amathuba athile – yiyo lo nto sikwazile ukufumana igowuli. Masiyivuyele le mpumelelo ngoba ukusukela ngoMvulo kufuneka silungiselele umdlalo wethu wokugqibela kulo nyaka. Ndonelisekile yindlela iqela elidlale ngayo nabadlali bayibambile ngoku indlela esifuna badlale ngayo,” utshilo uMenzo emva komdlalo.