UPhala uya kwiPirates?

Njengokuba amaqela ebhola ekhatywayo ethe bhazalala ekhangela abadlali abatsha, kuvakala iingxelo ezithi uThuso Phala weSuperSport United angathathwa yiOrlando Pirates.

UPhala udlala manqaphanqapha phantsi kukaKaitano Tembo onikwe ithuba lokuba ngumqeqeshi oyintloko ekuqaleni kwesizini.

Ingxelo yeKickOff Magazine ithi uPhala angaya kwiPirates phambi kokuphela kwale nyanga.

Noxa kunjalo, iSuperSport ithi akukho nto seyibekwe etafileni.

Ukuba uPhala uyaya kwiBucs, uyakuba ngomnye wabadlali abambalwa abadlalele omathathu amaqela amakhulu eMzantsi Afrika.