UPhangiso ucela uxolo ngokuziphatha gwenxa

Umdlali ogibiselayo weProteas, * -Aaron Phangiso ucele uxolo, mayelana nendlela awathi waziphatha ngayo kwinqwelo moya eyayisuka e-India kunyaka ophelileyo. Nalapho athi ibingeyondlela yokuziphatha komntu omele ilizwe.

“Akukho nto ndingasithela ngayo, ngendlela endiye ndaziphatha ngayo. Ndicela uxolo kumntu wonke othe wachaphazeleka ngela xesha, nomntu wonke endimphoxileyo. Ndiyayiqonda ukuba singa- baququzeleli, kwaye abantu bajonge kuthi, kwaye akufuneki siziphathe ngale ndlela esidlangalaleni.

“Sasibhiyozela impumelelo yethu yomdlalo wosuku olunye, kwenye yeendawo ezinzima, kwaye kucacile ukuba ndasela ngokugqithisileyo,” utshilo uPhangiso.

UPhangiso naye waba yinxalenye yeProteas, kwimidlalo yosuku olunye abathi bayiphumelela ngo3-2.

Lo mdlali zange asele nje kuphela, kodwa waye wathuka abasebenzi kwinqwelo moya kunye nabanye abakhweli.

Abalawuli beqela baye baziswa ngendlela awathi waziphatha ngayo. Kwaye le nto kwaye kwaxoxwa ngayo phakathi kunyaka ophelileyo. ICricket South Africa iye yacacisa izolo ukuba, isigqibo sokuba angafakwa uPhangiso, kwiqela elizakudlala imidlalo yovavanyo neNgilane kwinyanga ezayo, asinanto yakwenza nesi sehlo.

“Singaqinisekisa ukuba * -Aaron uye wazivuma zonke izityholo abekwa zona zokuphazamisa nendlela yokuziphatha yabadlali bethu, kwaye uhlawulisiwe ngeso senzo,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiCSA.