UPhangiso uneqhinga lokubetha i-Australia

Abadlali beProteas abagibiselayo sele bebone iindawo ezithile ekufuneka baphucule kuzo phambi komdlalo wovavanyo ophakathi kweProteas ne-Australia, namhlanje.

Imeko yebala laseGuyana yenze ukuba kubekho ixhala kwicala labagibiseli kwiProteas ingakumbi abadlali abajijayo xa begibisela.

Eli gqiza labagibiseli lenze umsebenzi oncomekayo, kodwa lawa nganeno kumdlalo wokuqala, ubuphakathi kweProteas neWest Indies.

Umdlali ojijayo ngesandla sasekhohlo * -Aaron Phangiso unethemba lokuba aphucule indlela adlala ngayo xa bejamelana ne-Australia. UPhangiso uzakube esakha iqhinga elizakubanceda ukuba bangangeni engxakini efana nangoLwesihlanu, apho bebexinwe nguKieron Pollard weWest Indies ngoLwesihlanu.

NgoLwesihlanu umdlalo uphele engekakhutshwa uPollard wabe eqhokre imitsi engamashumi amathandathu anesithandathu. Ngoyena mntu umoshe indlela agibisele ngayo uPhangiso.

“Belomile kakhulu ela bala, yenye yeemeko esingaziqhelanga eMzantsi Afrika,” utshilo uPhangiso ethetha ngebala laseGuyana. “Belibancedisa kakhulu abajijayo xa begibisela.

“Ndanelisekile yindlela endidlale ngayo kodwa zininzi izinto endingaziphucula kumdlalo wam,” utshilo. Singazama ukugibisela ngendlela entsha xa kuqhokra umdlali onobungozi nje- ngoPollard. Yinto ekuza- kufuneka siyisebenze kunye nomqeqeshi wabagibiseli uClaude Henderson, ukuba singakwazi njani ukuphucula umdlalo wethu.”

UPhangiso uvumile ukuba ibingumsebenzi onzima ukukhusela imitsi yabo esezantsi, nangona iimeko bezincedisana nabo.