Amathemba eMamelodi Sundowns okugqugqisa kwizwekazi le Afrika aphezulu emva kokuba iguqise phantsi iqela laseYiphutha. IDowns ibambe ngesixhanti iZamalek enkundleni yayo kumdlalo weCaf Champions League ebusuku ngeCawe.
Esi ingasisiqalo sendlela ende ezakuhanjwa yiSundowns ezimisele ukulandela ekhondweni le-Orlando Pirates eyaphumelela iCaf Champions League ngo’1995 ngokuthi ibuye noloyiso ekupheleni kolu khuphiswano xa kuphela lo nyaka.
Amagowuli eSundowns afakwe nguKhama Billiat kwisigaba sesibini nomdlali siswini uTiyani Mabunda ovalele emnatheni ibhola ebethe epalini yabuyela ngaphakathi ebaleni.
Umdlalo ubunzima kakhulu ngoba bekufuneka kukho eliphumelelayo, kodwa okuye kwacaca kukuba iqela likaPitso Mosimane liye eCairo lizilungiselele ngokupheleleyo, ingakwicala labalandeli ababayingxaki xa amaqela alapha eMzantsi Afrika etyelele amanye amazwe alapha kwizwekazi leAfrika.
Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu, kubonakala ukuba omabini la maqela afuna impumelelo, kodwa yiSundowns etsazise igazi kuqala.
Amasandawana aye kulo mdlali omelele ngamava awafumene ngethuba edlala olu khuphiswano. Kubekho ukungasebenzisani kakuhle phakathi kukaThabo Ntethe nonozinti uDennis Onyango okukhokelele ekufakweni kwegowuli.
Njengokuba iMamelodi Sundowns ibethe i-Enyimba neZamalek kuGroup B, ngoku yiyo [iSundowns] enethuba elicacileyo lokudlulela kwimidlalo ephambi kwamagqibela kankqoyi eCaf Champions League ekupheleni kwalo nyaka ngoba la maqela mabini ikhuphisana nawo sele ephulukene nomdlalo iqela ngalinye. Ezi ntshatsheli ze-Absa Premier Soccer League kulindeleke ukuba zamkele iZamalek eyaphumelela iCaf Champions League izihlandlo ezihlanu ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kule nyanga eLucas Moripe Stadium.
Impumelelo efunyenwe ziBrazillians izinika amandla futhi ukudlala kakuhle kwabo kude kube sekugqibeleni kwakuthi kuphakamise igama loMzantsi Afrika ngokubanzi.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?