UPhiwe Nomlomo waseTsomo ubhexesha iBlue Bulls ngexesha leCurrie Cup

UPhiwe Nomlomo ngumqeqeshi weBlue Bulls kwiCarling Currie Cup. Umfanekiso: Facebook

UPhiwe Nomlomo ufumene ithuba elihle lokuziqaqambisa embhoxweni kwelona nqanaba eliphezulu. Oku kwenzeka emva kokuba uNomlomo echongwe njengomqeqeshi oyintloko weBlue Bulls xa idlala kwiCurrie Cup eza kuqala kule mpelaveki.

Le ndedeba yaseTsomo ifike kwiqela lasePitoli kunyaka ophelileyo isuka kwiSharks yephondo laKwaZulu-Natal. UNomlomo yindoda eyaziwayo embhoxweni ekhe yalola isakhona sayo kwitumente yezikolo ngo2019 – kanti phambi koko, ebekhe wayeyintloko kwiEP Kings Academy ngonyaka ka2016.

Konke oku kwenzeka uNomlomo emva kokuba engumncedisi kaJake White ngethuba kuqhuba isizini yeRugby Championship. Abaphathi beBulls bathe uNomlomo uza kuncediswa ngamadoda aquka uWerner Kruger, ujean Tiedt noKennedy Tsimba.

Amehlo aza kubekwa kuye ngabalandeli bombhoxo ngoba ithuba elinikiweyo yinto engabaxhaphakelanga abantu abamnyama. Ethetha emva kokunikwa uxanduva, uNomlomo uthe liwonga elikhulu kuye ukukhokela iBulls kwitumente efana neCurrie Cup. “Oku kubonisa intlonipho nentembeko endiyinikwa yiBulls,” utshilo uNomlomo.

Oku kwenzeke ngethamsanqa kukho abadlali abatsha abafana no’Aphiwe Dyantyi osuka kwiSharks noza kulwela ukufumana indawo yakhe kwiqela elitsha. “Eli lithuba lokuba iqela lethu likhuphisane namanye amaqela futhi sibone nabadlali bethu abanetalente. Abalandeli bethu baza kufumana ithuba elihle lokubukela nabadlali abatsha.

“Kungakuhle ukuba iBulls ingadlala kwiindawo engaqhelanga ukuya kuzo. Sinethuba elincinci lokulungiselela iCarling Currie Cup ngoba sisuka kwiRugby Challenge,” utshilo uNomlomo ekulindeleke ukuba angenzi iinguqu ezininzi ngaphandle kokuhlomela abadlali abangaqehelanga ukudlala.

“Kubalulekile kuthi ukuqinisekisa ukuba wonke umntu uyayazi indlela esifuna ukudlala ngayo kwiCurrie Cup. Sinabo abadlali abazimiseleyo ukwenza umsebenzi wabo ebaleni. Nathi singabaqeqeshi sinomnqweno wokubabona beqhuba kakuhle futhi benceda neqela. Silindele isizini entle kakhulu,” uvale ngaloo mazwi umqeqeshi.