Iinzame zoMzantsi Afrika zokuya emdlalweni wokugqibela weAfrica Cup of Nations ziphanzile izolo. Oku kwenzeke emva kokuba uMzantsi Afrika uguqiswe phantsi yiNigeria ngo’4-2 kwiipenela emdlalweni obinzima eBouake. Iipenela ezifakwe kwisigaba sesibini ziwunyanzele umdlalo ukuba uye kwixesha likasompempe elongezelelweyo – kodwa ngelishwa, khange kubekho qela elikwaziyo ukufumana igowuli lempumelelo.
Amathuba okusonga umdlalo ebekhona, ngakumbi kuMzantsi Afrika ofumene amandla emva kwepenela efakwe nguTeboho Mokoena – kodwa ngelishwa lawo, amathuba akasetyenziswanga. Ngoku aBafana Bafana baza kulwela indawo yesithathu kwiAfcon xa bedibana neDemocratic Republic of Congo emdlalweni oza kube ungoMgqibelo.
Nangona aBafana Bafana bekwazile ukubuyisa isidima sabo ngokususa endleleni amazwe afana neMorocco, iTunisia neCape Verde – kodwa ukubethwa kwabo yiNigeria kumkhathazile uHugo Broos ngoba badlale kakuhle kakhulu. Nakubeni ebekhona amaxesha ebigunye ngawo iNigeria emdlalweni wayizolo – kodwa aBafana Bafana badlale umdlalo obhetele kakhulu ngaphezulu kunangethuba bedlala neCape Verde ngempelaveki egqithileyo.
UStantly Niwabali, odlalela iChippa United kwiPSL, nguye ovale iipenela ezimbini ezinike iNigeria ithuba lokulwela indebe emdlalweni weAfcon wokugqibela oza kube ungeCawe. Ephoxeke enjalo, uBroos ubaqhwabele izandla aBafana Bafana watsho esithi uyaziqhenya kakhulu ngabo. “Inzima ibhola ekhatywayo ngamanye amaxesha. Jonga indlela esidlale ngayo emdlalweni, iipenela nokubethwa, ukungayi emdlalweni wokugqibela,” utshilo umqeqeshi obebonakala ukuba uphoxekile.
“Kunzima ukwamkela ukubethwa yiNigeria ngoba sidlale kakuhle kakhulu. Ndingatsho ukuba besibalasele kwisigaba sokuqala futhi besinamathuba acacileyo emdlalweni. Khange ibenawo amathuba iNigeria. Siwafumene amathuba ambalwa kwisigaba sesibini. Kodwa emva kokwenza iinguqu, umdlalo wethu uye waphucuka kakhulu. Wonke umntu uphoxekile ngoba sidlale kakuhle kwiAfcon – kodwa ndiyaziqhenya ngabadlali bam,” utshilo umqeqeshi emva komdlalo izolo ebusuku.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM