Uphumile kwigumbi lezigulane uManyisa

AmaBhakaniya afumene iindaba ezimnandi phambi komdlalo obalulekileyo wangempelaveki.

Umdlali siswini oyintandane ngenxa yobuchule bakhe bokudlala ibhola, * -Oupa Manyisa, uqale uqeqesho olupheleleyo kwinkampu ye-Orlando Pirates emva kokuhlala ngaphandle kokudlala ibhola iinyanga ezisixhenxe ngenxa yokwenzakala.

Oogqirha beBucs bathi, lo mdlali uphilile ngoku. “Ndibuyile, ndiyavuya kakhulu. Kumnandi ukubuyela kweyona nto ndiyithandayo kwakhona, ukudlala ibhola ekhatywayo,” utshilo uManyisa. Njengokuba ebehleli ixesha elide engadlali, kungathatha ixesha elide kwakhona ukubuyela kwisimo sakhe sesiqhelo. “Ndikubonile ukubaluleka kwebhola ekhatywayo ebomini bam ngoku bendonzakele, yinto ephila ngaphakathi kum. Andingxamanga, ndifuna ukuziqeqesha ngokwaneleyo ukuze ndibuyele kumdlalo wam. Ndibulela iqela lam, abaqeqeshi noogxa bam ngokundinika inxaso engagungqiyo.

Bandincedile kakhulu, amazwi abo andomelezile ngethuba lokonzakala kwam,” utshilo uManyisa. Ukungabikho kukaAce kuyiqhokre kakubi iPirates ngoba washiya isithuba esikhulu, lo nto yachaphazela indlela edlala ngayo.

Umoya wabadlali uphezulu kwinkampu yeBhakajuju kwezi ntsuku ngenxa yeziphumo ezihle mva nje.

Kwimpelaveki edlulileyo, iBucs ibethe iFree State Stars ngo’1-0 kumdlalo obuseOrlando Stadium.

Ngoku eli qela liza- kuqubisana neGolden Arrows kumdlalo oseMoses Mabhida Stadium ngoMgqibelo ngo’15:00.