UPienaar uyinqwenelela okuhle iBaroka

Owayengukapteni weqela lesizwe, iBafana Bafana, uSteven Pienaar, wothuse abantu abaninzi xa egaleleka kwinkomfa yoonondaba nezikhulu zeBaroka FC ngoMvulo xeshikweni kubhengezwa abadlali abatsha nezicwangciso zesizini ezayo. Lo mdlali unqwenelele iBaroka okuhle kodwa kwiPSL.

Eli qela litsha kwiPremiership libhengeze abadlali abalishumi elinesithandathu eClover Park abazakuthi bagcine iBaroka kwinqanaba eliphezulu. Kwaba badlali batsha kukho nefolosi obolekwe kwi-Orlando Pirates, uSiyanda Ngubo, owafaka amanqaku alishumi ngethuba esadlalela iRoyal Eagles kwisizini ephelileyo.

IBakgakga ikwathe uJacky Motshegwa uzakuhlala kweli qela naye usuka kwiPirates ngemboleko.

USihlalo weBaroka uKhurish Mphahlele uthe, Ibaroka ijonge ukuphumelela kule sizini izayo kwaye soze badliwe lizembe. “Sifuna le isizini izayo ibeyeyona sizini intle kuthi, wonke umntu sifuna athethe ngayo. Sijonge ukuphumelela iintshinga, sikwafuna nokwenza iPSL ilangazelelwe ngolona hlobo kwaye senze abantu bazingce ngathi ,” utshilo uMphahlele.

Uqhubeke wathi, bajonge ukwenza amalungiselelo okuqala kwesizini eZimbabwe, apho bazakuhlala iiveki ezimbini. Uthe enye yezinto ebangela ukuba baye kwela lizwe kukuba bafuna ukuqokelela abalandeli abazakuxhasa iqela xa lidlalela ePeter Mokaba Stadium.

Abaxhasi abaqala ukusixhasa sukela ngo-2013 bazakuqhubeka nokusixhasa kule minyaka mithathu izayo.

Abadlali abatsha ababhengezwe leli qela:

Oonozinti: Zakhele Ngcobo, Innocent Mbangeni

Abadlali basemva: Mzanele Mahashe,Tshepiso Leitsitsa, Ignitius Kgobadi

Esuswini:Tshepo Sediti, Siphiwe Gwala, Rethabile Soso,Tumelo Mogale, James Bell, Richard Matloga, Sipho Moeti

Ifolosi: Cleopas Dube