UPieterse angaya kwiSuperSport United

Sekusondela elo xesha lokuxananaza kweendlela zabadlali bebhola kwiPremier Soccer League bezama amakhaya amatsha.

Unozinti weChiefs, uReyaad Pieterse, ngumdlali wokuqala osele kuqinisekisiwe ukuba uyahamba emva kokungavumelani ngesivumelwano esitsha seminyaka emithathu neChiefs.

Ekupheleni kuka-2015, I’solezwe lesiXhosa, ladiza ingxelo ethi uPieterse uzimisele ukuhamba kwiiGlamour-boys. Lo nozinti udlale imidlalo emininzi kuneminye iminyaka, kwaye uyidlalile indima yakhe ngethuba * -Itumeleng Khune onzakele.

Kwiisini ezidlulileyo xa engekho uKhune indawo yakhe ibithathwa nguBrilliant Khuzwayo, kodwa phantsi kukaSteve Komphela, lo nozinti ufumene ixesha elithe chatha.

Amakhosi ayinikile le ndedeba isivumelwano esitsha, kodwa akakwazanga ukuvumelana la macala omabini.

Ngempelaveki ephelileyo iChiefs ikhuphe ingxelo engqina oku yatsho imnqwenelela okuhle kodwa uPieterse. Ekufikeni kukaStuart Baxter kwiSuperSport United ekuqaleni kwalo nyaka kwathi ndiii amarhe athi abadali abathile beChiefs angabatsalela kuye, kodwa wazikhaba ngawo omane ezo ngxelo uBaxter.

Kodwa okuvakalayo kukuba lo kaPieterse angaya kwiSuperSport noxa engekathathi sigqibo ngokusesikweni. Eyona nto ekubonaka ngathi ibangela ukuhamba kwalo nozinti kukuba uKhune usathathwa njengoyena nozinti uphambili nangona uPietrse edlale imidlalo engaphezulu kwakhe noKhuzwayo kule sizini. Kwimidlalo eliqela, lo nozinti udlale kakuhle kakhulu, kwaye kube kancinci angabizelwa kwiqela lesizwe.

Okubonakalayo kukuba lo mdlali ufuna iqela azakuthi afumane imidlalo ngokwaneleyo kulo emva kokuchitha iminyaka eliqela elisekela kwiChiefs. Babini abanye abadlali abaphambili ekunokwenzeka bayishiye iChiefs ekupheleni kwale sizini.

Abo badlali nguMorgan Gould, okhathazwe kukonzakala kule sizini, noReneilwe Letsholonyane, omnye wabadlali abadala kweli qela lizinze eNaturena.