UPieterse ubeliqhawe leBafana Bafana

IBafana Bafana ebidlala ngabadlali abalishumi ikwazile ukubetha iLesotho ngo’4-2 kwiipenalthi kumdlalo weCOSAFA owandulela ophambi kwamagqibela kankqoyi, emva kwemini ngoMgqibelo.

Amagowuli afakwe nguThaba Ntso noGift Motupa kwixesha elongezelelweyo, ngawo aqinisekise ukuba lo mdlalo uzakuya kwiipenalthi. UReyaad Pieterse ubambe iipenalthi ezimbini ezincede iBafana ukuba iphumelele.

Emva kwale mpumelelo abafana bakaShakes Mashaba bazakudlala neqela eliphumeleleyo phakathi kweZambia neSwaziland kumdlalo ophambi kwamagqibela kankqoyi.

UMzantsi Afrika uqale ngesantya esiphezulu kulo mdlalo, kodwa abadlali khange bakwazi ukufaka amagowuli bavumela iLesotho ukuba iphinde ibuyele emdlalweni.

Kumzuzu weshumi elinesine iBafana ifumene ibhola yasimahla, kodwa uModiba khange akwazi ukuyifaka emnatheni. ILesotho yiyo eyophise kuqala ngelixa uJane Thaba Ntso ebaleka yedwa wabetha uPieterse kwikona akude kuyo.

Kuyiwe ekhefini iLesotho ihamba phambili ngegowuli elinye eqandeni.

Kwisiqingatha sesibini, ibe yimizuzu nje embalwa phambi kokuba uGift Motupa afake igowuli lokulinganisa ngelixa engajongwangwa ngumntu ebhokisini. Sele kushiyeke imizuzu elishumi elinesihlanu uphele umdlalo, uNtso uphantse wafaka elesibini leLesotho, kodwa ibhola ayingqubileyo iphume ecaleni kwezinti.

Kulandela ukubethwa kwayo ngoku iLesotho iza kujamelana neqela elibethiweyo phakathi kweZambia neSwaziland.