Umdlali wasephikweni kwiiSharks, * -JP Pieterson udlale indima enkulu kwimpumelelo yeqela lakhe xa belibetha iiHurricanes kumdlalo weSuper Rugby eKings Park ngoMgqibelo.
UJP ungqengqe emgceni amatyeli amabini, kwisiqingatha sokuqala nakwisiqingatha sesibini. Umdlali oncedisa kwiskram uMichael Claassens kunye nomdlali odlala kwindawo yesibhozo uDaniel du Preez bakwazi ukungqengqa emgceni ukwangeza amanqaku eeSharks.
UPat Lambie uye wabonakala kubadlalli abebehleli esitulweni, okokuqala kule sizini emva kokubuya emonzakalweni.
IiSharks zize kulo mdlalo nempumelelo enye kule midlalo mithandathu ziyidlalileyo yeSuper Rugby. Elinye iqela elibethe iiSharks ziiHighlanders zaseNew Zealand.
IiHurricanes zihleli kakuhle kakhulu kule mpelaveki, ukuze zibethe iiLions ngo’50-17 eGoli, kodwa ngoMgqibelo khange zilibone elidlalayo.
IiHurricanes ziqale zafumana iipenalthi ezininzi, phambi kokuba ziwele umgca emva kwemizuzu engamashumi amathathu uqalile umdlalo.
Xa kuza kuyiwa ekhefini, iiSharks zikwazile ukufaka amanqaku amahlanu xa bekungqengqa emgceni uPieterson.
UGarth April osabambe indawo kaPat Lambie khange elibazise waqabelisa. Kwimizuzu emibini siqalile isiqingatha sesibini, uPieterson uphinde wawela umgca ityeli lesibini.
Isantya somdlalo siye satshintsha kakhulu emva kokuba iiSharks ziye zabona izithuba kubadllali bangemva beeHurricanes , zafaka uxinizelelo nangakumbi.
Umdlalo olandelayo weeSharks kwiSuper Rugby, zizakundwendwela oomakoti beSuper Rugby iJaguares.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates