Njengokuba kuqala unyaka, abadlali abaninzi bafuna iindawo abangadlala kuzo. Nakubeni kunjalo kwabanye – kodwa yena uReyaad Pieterse uthi ngeke ayishiye iMamelodi Sundowns ngoku ingamdlalisiyo. Yisizini yesibini le kudlaliswa uRonwen Williams njengonozinti ophambili kwiSundowns ngumqeqeshi wayo, uRulani Mokwena.
Wafika unozinti ophambili inguDenis Onyango, ekhona naye uPieterse. Ethetha kutshanje, uPieterse uthe ukuhlala kwakhe kwiSundowns engadlali kungenxa yokuba ibhatala umvuzo wakhe.
Nakubeni into yokungabhatalwa kwabadlali abadlala kwiPremier Soccer League ingeyonto exhaphakileyo – kodwa ukungabhatalwa kwabeMoroka Swallows kuye kwaxhalabisa abaninzi ebholeni ekhatywayo.
Uthi akafuni ukuhamba ngoba kwamanye amaqela akukho siqinisekiso sokuba abadlali baza kuyifumana imivuzo yabo xa kuphela inyanga. “Ukuba ungajonga isimo soqoqosho, ngubani ongaya eqeleni angangawufumani umvuzo wakhe?” utshilo uPieterse ephendula umbuzo weSowetan.
Ukusukela ngonyaka ka2018 awashiya ngawo iSuperSport United, uPieterse udlale imidlalo engagqithanga nakumashumi amabini emidlalo futhi alikho ithemba lokuba uyakuze abambe indawo yokuqala kwiSundowns ngenxa kaWilliams okwangumdlali weqela lesizwe.
“Zininzi izinto ezenzekayo ebomini bethu. Mna ndinabantwana ekufuneka baye esikolweni. Kufuneka ndiqinisekise ukuba abantu balala betyile ekhaya,” utshilo unozinti. Nangona uPieterse enqatyelwe ngamathuba okudlala – kodwa ukulungele ukudlala nanini na xa enikwa ithuba.
“Enyanisweni, amathuba asebenzela abantu abawalungeleyo. Ndikulungele ukudlala futhi ingqondo yam isemsebenzini wam. Kulula ukuphazamiseka xa ungumdlali onganikwayo ithuba lokudlala njengabanye – kodwa mna andinguye loo mntu.
“Ndinosapho ekufuneka ndiqinisekise ukuba lukhathalelwe kakuhle. Yiyo lo nto ndizama ukusebenza ngokuzimisela ngamaxesha onke,” utshilo uPieterse. Yinqwaba yeendebe azifumeneyo kwiMamelodi Sundowns. Nakulo unyaka uza kufumana enye ngoba iSundowns ihleli phezulu kwiDStv Premiership esathe nqumama ngenxa yeAfcon.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM