UPisto Mosimane uncamile emva kokushiywa kwiwonga leFIFA

UPercy Tau, uPitso Mosimane nomnye umdlali bebhiyozela impumelelo ye-Al Ahly emva kokubetha iRaja Casablanca kwiCAF Super Cup, e-Ahmed bin Ali Stadium in Al Rayyan. Umfanekiso: Mohamed Bissar/BackpagePix

UPitso “Jingles” Mosimane uthi uncamile yena emva kokungafakwa isicaco kuluhlu lwabaqeqeshi abaqaqambileyo abagaqele iwonga elikhulu leFIFA. OkaMosimane ukuthethe oku ngethuba ethetha nephephandaba laseMelika, iNew York Times, elikubone ukuchwethelwa kwakhe ecaleni njengento engalunganga emva kwempumelelo ayizuze kwiAl Ahly. Eminyakeni emibini, uJingles uphumelele iindebe ezintlanu zonke. Phakathi kwezo ndebe kukho ezimbini zeCAF Champions League ezithathe iAl Ahly zayoyilahla kwiFIFA Club World Cup eyabuya nembasa yebronze emva kokuvala itumente ikwindawo yesithathu. Abaqeqeshi abachongiweyo baquka uThomas Tuchel, uRoberto Mancini noPep Guardiola.

Yintoni abayenzileyo ngaphezulu kukaMosimane ebholeni ekhatywayo? Ayikho tu. “Ndibancamile mna abantu baseYurophu. Asikwazi ukuwafumana amawonga anje ngoba siphuma endaweni engabonelwantweni,” utshilo uMosimane ethetha ngokusengelwa phantsi kwe-Afrika. Okukhathazayo abantu bezwekazi le-Afrika abanikwa amawonga amakhulu ebholeni sele bedlalela awona maqela amakhulu kwihlabathi. “Xa uSadio Mane noMohammed Salah bekwazi ukuphumelela i-Uefa Champions League, iPremier League neFIFA Club World Cup – kodwa bangajongwa, besingoobani ke thina? Ubuzile uMosimane encokola neNew York Times.

Amatshantliziyo afana noSamuel Etoo noRaheem Sterling kudala eyikhalazela into yokuchwethelwa ecaleni kwe-Afrika kodwa akukho mntu oyihoyileyo lo nto. “Kunzima kuthi ngoba ukuphumelela iindebe akuthethi nto. Ndiza kuthi gqolo sisilwela iinguqu,” utshilo uMosimane. Nangona ezinto ezinje nobuhlanga obusoloko bujoliswe kubadlali abamnyama ziinjubaqa zaseYurophu – kodwa iinkokeli zebhola e-Afrika azikenzi ntshukumo, ingakumbi ezikhokele iCAF. Kanti kwiFIFA World Cup, iAfrika inenani lamaqela eliphantsi kuneYurophu – kodwa yeyona inenani eliphezulu lamalungu kuFIFA.