UPitso akafuni ahambe uMpahlele

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns uPitso Mosimane kulindeleke ukuba adlalele kude kakhulu xa kufikelelwa kwiingxoxo zesivumelwano sokudlala sekapteni yela qela uRamahlwe Mphahlele.

Kodwa loo nto khange imnqande lo mqeqeshi ebesandula kubuya kwimpumelelo yeCAF Champions e-Algeria kule mpelaveki, ekubeni avakalise indlela anqwenela ngayo ukuba uRama ahlale kwiSundowns.

UMphahlele khange ahambe neSundowns ukuya eSetif nalapho eliqela lalapha ekhaya libethe i-ES Setif ngamagowuli amabini eqandeni ngokuhlwa ngoMgqibelo.

Lento ibangelwa kukuba uRama ezakube ephelelwe sisivumelwano sokudlala kweli qela kwiveki ezayo. Ukholelwa ukuba ufanele ukuba adlale xa ikamva lakhe eqinisekile ngalo. Kuye kwanyanzeleka ukuba uMosimane enze utshintsho ngasemva wanika, uThabo Nthethe igunya lokuba abe yikapteni.

Emva kokuba ebuyile e-Algeria, lo mqeqeshi uvakalise indlela aphoxeke ngayo yindlela uRama aphethwe ngayo.

“Undenzele kakuhle izinto njengekapteni,” utshilo uMosimane.

“Uyidlale yonke imidlalo ngelixa enokwazi ukufumaneka, nangoku enzakeleyo indlela ebezijonga ngayo izinto khange itshintshe. Nje ngomqeqeshi ndiyakholwa nguRama njengomdlali kwaye useyikapteni yam. Kodwa ukuba lento imayelana nento engaphaya komdlalo, thina baqeqeshi kufuneka sime bucala.”

Umhlawumbi iqela kufuneka liphendule imibuzo kuba mna andiyazi into eyenzeka ngaphaya kweengcango. Umba wezivumelwano zokudlala akufanelanga ukuba uyayekwa kude kube leli xesha,” waleke ngokutsho uMosimane.