UPitso akalali buhlayo ngenxa ka-Onyango

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, uthandazela umdlali uDenis Onyango alulame kumonzakalo anawo phambi komdlalo obaluleke kakhulu weCaf Champions League.

Le yiveki exakekileyo kakhulu kwiDowns. Ngokuhlwa kwangomso yamkela i-AS Vita Club yaseDRC kumlenze wesibini womdlalo weChampions League obalulekileyo ozakube useLucas Moripe Stadium. NgoMgqibelo iSundowns iqubisana neentshaba zayo ezinkulu i-Orlando Pirates kumdlalo weNedbank Cup. Ingxaki ajamelene nomqeqeshi weli qela ayomidlalo enzima nje kuphela, kukho nabadlali abaliqela ababhilwabhilwa ngoogqirha ngenxa yokwenzakala. Omnye umdlali uPitso oyame ngaye kakhulu ukuzothi ga kule sizini ngu-Onyango.

Lo nozinti uphoswe ngumdlalo wempelaveki ephelileyo obuphakathi kweDowns neJomo Cosmos emva kokonzakala kumdlalo owawuseKinsasha eDRC kwiveki engaphaya kwephelileyo. Yabethwa iSundowns ngo’1-0 kumlenze wokuqala weChampions League. Kutshanje uPitso udize iinkcukacha zomonzakalo ka-Onyango. “Akalimalanga kangako. Ndinethemba lokuba uyakuba khona kumdlalo wangoLwesithathu. Sinomdlalo onzima, kufuneka sifake amagowuli,” utshilo uPitso. IDowns inomsebenzi omkhulu wokuguqula izinto ukuze ikwazi ukudlulela kumjikelo olandelayo wolu khuphiswano.

Eli qela laseDemocratic Republic of Congo linzima ngoba linabadlali abanobuchule bokudlala ibhola – kodwa uJingles uthi unalo ithemba lokufumana iziphumo ezihle enkundleni yeDowns. “Ndizithembile iifolosi zethu zingawafaka amagowuli. Sinethemba akukho nto ingenokwenzeka xa ujonga into eyenziwe ngu-Athletico Madrid. Sijongana nomdlalo ubemnye ngexesha,” utshilo uPitso. IiBrazilians zikwindawo yokuqala kwiPremier Soccer League kodwa ukuqhubela phambili kwazo kwiCaf Champions League kuxhomekeke kulo mdlalo wangomso.