UPitso akanalo ixesha leendebe ezincinci, ufuna iChampions League!

Pitso Mosimane coach of Mamelodi Sundowns during the MTN8 Semi Final 2nd Leg Mamelodi Sundowns Press Conference on the 30 August 2018 at PSL Offices / Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Njengokuba umbutho
olawula ibhola kwizwekazi le-Afrika, iCAF, ugqibe kwelokuba imidlalo yamazwe e-Afrika
(AFCON) idlalwe kwinyanga yesilimela kunyaka ozayo (2019) – lo nto ithethe
ukuthi iChampions League neConfederation Cup ziza kuqala kwakulo unyaka. Umqeqeshi
weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, ulola izikrweqe zakhe ngelilungiselela
ukuphindela edabini kwakhona. Amasandawana akhiqwe kwisiqendu seCAF Champions
League salo nyaka emva kokuba engaqalanga kakuhle – kodwa uPitso uzimisele
ukubuyela kuyo ngamandla kuba ukholelwa kwelokuba lelona nqanaba lebhola elifanele
iqela lakhe.

“Sizama
ukulungiselela iChampions League eza kuqala ekupheleni kwalo nyaka. Kunzima,
yiyo lo nto ndibacela abalandeli beSundowns ukuba babenomonde. Sinabadlali
abane abatsha abadlala phambili. Kuya nyanzeleka sisebenzisa imidlalo le yePSL
ngoba oyena ndoqo kuthi yiChampions League. Sizimisele ukumela eli lizwe ityeli
lesithandathu ngokulandelelana. Asikwazi ke ukuliphoxa,” utsho uPitso.

Lo mqeqeshi
weDowns uyibeke yacaca nakuthathatha eyona yena ufuna iqela lakhe lidlale
kwiituemnte ezinkulu – hayi ezincinane. “Thina sifuna iitumente ezinkulu,”
utsho uPitso.

ISundowns
iqokelele amanqaku amane kwimidlalo emibini edlulileyo. Ibambene naMaZulu ngo’3-3,
emva koko yabetha iGolden Arrows ngo’1-0 ngoLwesithathu wale veki. Kule midlalo
mibini, uPitso wenze iinguqu kwiindawo ezithile kwaye uvakalise ukoneliseka
yindlela abadlali bakhe abadlale ngayo.