UPitso akayithathi kancinci iChippa

UThabo Rakhale noHlompho Kekana kulindeleke babeluncedo xa iChippa United indwendwela iMamelodi Sundowns emdlalweni oseLoftus Stadium

Njengokuba isizini ikwisigaba sesibini, umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, ufuna iqela lakhe lichule ukunyathela.

Emva kokubetha iSuperSport United ngo’1-0 kwiNedbank Cup, iSundowns izimisele ukuqokelela amanqaku apheleleyo emdlalweni yayo olandelayo weAbsa Premiership xa isamkela iChippa United ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo eLoftus Stadium.

Amasandawana aqhube kakuhle kwiCAF Champions League nakwiNedbank Cup, imchulumancisile lo nto uPitso ngoba ezo zinto zityhilela iqela lakhe ithuba lokulwela iindebe ezintathu kule sizini. ISundowns, esenemidlalo esandleni, ithe khebevu kwindawo yesithathu emva kokuqokelela amashumi amathathu anesihlanu emidlalweni elishumi elinesibhozo.

Injongo yeSundowns ephambili kule sizini kukukhusela indebe yeAbsa Premiership kodwa iChippa United ingangumqobo ukuba ingakwazi ukudlala ngendlela eyadlala ngayo emdlalweni wokuqala owaphela ngo1-1 eBhayi kunyaka ophelileyo.

UPitso uthi iqela lakhe liza kuzilungiselela ngokupheleleyo phambi kokudibana neChippa edlale kakuhle kwiNedbank Cup.

“Sidibana nayo iChippa ngexesha elibi iqhuba kakuhle. Ibethiwe emdlalweni wayo wePremiership kodwa iqhuba kakuhle. Kusoloko kunzima kuthi ukudlala neChippa ngoba alibikho iqela eliphumelelayo.

Asikuthandi ukudlala neChippa ngoba silahlekelwa ngamanqa xa sidlala nayo,” utshilo uPitso egcobile emva kokuba iqela lakhe liphumelele idabi lasePitoli.

Ubukho bukaNorman Mapeza kwawenza umahluko kwiChippa ngoba yaphumelela imidlalo yatsho yakwazi ukuphefumla kodwa ingxaki esenayo kukungaqhubi kakuhle emidlalweni esekuhambeni.

Ukubetha kwayo iTS Galaxy ngo’3-0 kunokuyikhuthaza xa idibana neDowns ngempelaveki kodwa kwakufuneka isebenze ngokuphindeneyo ngoba ayichamisi xa idlalela ePitoli.

Kutshanje, iChippa ibethwe yiOrlando Pirates no2-1 nango3-0 yiSuperSport United.

UMapeza unethemba lokuba iqela liza kufumana amandla emva kokubetha iGalaxy nangona kusekho izinto ezimkhwinisileyo.

“Ukuphumelela ngo’3-0 yinto entle kuthi ngoba iza kukhuthaza abadlali emdlalweni ozayo. Emva kokubethwa emidlalweni emibini bekuza kusiphazamisa kodwa noko ngoku noko sivuselelekile emva kokuphumelela umdlalo,” utshilo uMapeza.

Kulindeleke uMapeza abeke ithemba lakhe kuAugustine Kwem ofake amagowuli amathathu emidlalweni emibini egqithileyo.