UPitso Mosimane akaxolanga kwaphela sisigqibo sikasomppempe

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, uthi iqela lakhe lidlelw'indlala emdlalweni wayizolo eDr Molemela Stadium. Umfanekiso: BackpagePix

Emva kokudlala
umdlalo oncomekayo, iMamelodi Sundowns igoduke inkonye inqaku elinye jwi.
Amasandawana adlale ntanganye ngeqanda macala neBloemfontein Celtic kumdlalo
we-Absa Premier Soccer League obubanjelwe eDr Molemela Stadium izolo ebusuku.
Umqeqeshi weDowns, uPitso Mosimane, uvakalise ukungaxoli kwakhe sisigqibo
esithathwe ngusompempe ongalivumanga igowuli elifakwe nguLebogang Maboe
kwisigaba sesibini somdlalo. Umdlalo ulawulwe liqela likaPitso, amathuba
okuphumelela umdlalo obekhona – kodwa ukungawesebenzisi kakuhle kulinyanzele
ukuba lifumane inqaku elinye. IDowns ibinethemba lokubuya namanqaku apheleleyo
ukuze ikwazi ukuvala umsantsa ophakathi kwayo neBidvest Wits ne-Orlando Pirates
ezihleli phezulu kwiPSL.

UMaboe ufake
igowuli – kodwa akalivumanga usompempe kuba uThemba Zwane ebonakele elalele
kwindawo ebekuyo – kodwa uPitso uyayikhaba lo nto ngelithi uZwane khange
achaphazeleke kwibhola efakwe nguMaboe. “Sizamile. Siwulawule umdlalo kwaye
sidlale umdlalo omhle. ULebo ufake igowuli, siwuphumelele umdlalo. UMshishi khange
achaphazeleke phaya. Khange abethwe nayibhola. Siwuphumelele umdlalo. Imbi le
nto, kodwa yintoni esinokuyenza?…utshilo uPitso obebonakala ecaphukile.

Nangona ebecaphukile
– kodwa uPitso uyincomile indlela aqhuba ngayo uSteve Komphela kwiCeltic. NgeCawe,
iSundowns yamkela iBidvest Wits elushica kumdlalo wePSL ozakube useLucas Moripe
Stadium ngecala emva kwentsimbi yesithathu emalanga.