UPitso Mosimane neAl Ahly bawuqhawule umtshato weminyaka emibini!

UPitso Mosimane ethetha noVictor Gomes emva komdlalo weCAF Champions League obuphakathi kwe-Al Ahly neWydad Athletic Club obuseMohamed V Stadium ekupheleni kukaCanzibe. Umfanekiso: Weam Mostafa/BackpagePix

Ekugqibeleni, uhili ude waphuma ezingcongolweni. Iindaba zokwahlukana kukaPitso Mosimane ne-Al Ahly – elona qela lebhola ekhatywayo elikhulu kwizwekazi le-Afrika, zivakele emva kwemini yanamhlanje (uMvulo). Ukuhamba kwakhe uMosimane kubhengezwe yiAl Ahly ngokusesikweni kulandela amahum hum ebesoloko evakala nangona iqela beliyikanyela lo nto. Akothusanga ukuhamba kwakhe umqeqeshi ngoba kubekho isimbonono esithi makagxothwe njengomqeqeshi we-Al Ahly emva kokuba ibethwe ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) yiWydad Casablanca emdlalweni wamagqibelakankqoyi weCAF Champions League ekupheleni kwenyanga kaCanzibe.

Akekho umqeqeshi owakhe wahlala kwi-Al Ahly xa engakwazanga ukuphumelela iCAF Champions League ngoba yeyona nto ebaluleke kakhulu kuyo. Okunye okuphinde kwamenza izothe ebantwini baseJiphethe umqeqeshi waseMzantsi Afrika kukungaqhubi kakuhle kwe-Al Ahly kwiEgyptian League ekhokelwa yiZamalek – iintshaba zayo ezinkulu elizweni lakwaFaro. Ngokwengxelo ekhutshwe liqela, uMosimane uzicelele ukuhamba, nalo ke lasamkela isicelo sakhe.

Ngethuba elapha eMzantsi Afrika kwiveki ephelileyo, uMosimane utyhole uPatrice Motsepe neCAF ngokubethwa kwe-Al Ahly emdlalweni weChampions League. Uthe nguMotsepe ovumele ukusiwa komdlalo eMorocco – elikhaya leWydada Casablanca. Ziindaba ezo ezichazwe njengobuvuvu yiCAF. Indedeba yaseMzantsi Afrika iyinikele umva iAl Ahly ezenzele imbali ngokuphumelela iindebe ezintlanu zonke.

Iindebe zeChampions League zimbini, ezeSuper Cup zimbini ne-Egypt Cup. Akuphelelanga apho ngoba ifumene neBronze emva kokufumana indawo yesithathu kwiFIFA Club World Cup kunyaka ophelileyo. Emidlalweni elikhulu nantlanu, uPitso uphumelele amashumi amathandathu anesibhozo. Udlale ntanganye kwengamashumi amabini anesixhenxe waze wabethwa kwelishumi kuphela. Akukacaci ukuba uMosimane uza kubheka kweliphi icala – kodwa ngaphandle kwamathandabuzo, ngeke alidinge iqela. Iqela elingenaye umqeqeshi eMzantsi Afrika elingakwazi ukumbhatala yi-Orlando Pirates.