UPitso Mosimane neqela lakhe baqule baligangatha

UKrahire Zakri weMamelodi Sundowns esokoliswa nguBadr Gaddarine weWydad Athletic kumdlalo we-2017 Caf Champions League obubanjelwe eLucas Moripe Stadium umfanekiso: Aubrey Kgakatsi/BackpagePix

Iqela eliphambili eMzantsi Afrika, iMamelodi Sundowns, lisekhondweni elihle lokukhusela indebe yeCaf Champions League.

Amasandawana akuqubisana neWydad Casablanca kumdlalo wesibini eComplexe Mohammed Stadium ngo’21:00 ngoMgqibelo.

Eli qela likaPitso Mosimane libethe iCasablanca ngo’1-0 kumdlalo wokuqala eLucas Moripe Stadium ngeCawe edlulileyo.

Lo nto ithetha ukuthi iDowns ingadlalela inqaku elinye kulo mdlalo – kodwa uPitso uyayazi ukuba iqela lakhe kufuneka lizimisele ngoba iCasablanca izakubuya inomsindo phambi kwabalandeli bayo.

Emva kokuvuma ukuba iqhinga lakhe lokusebenzisa ifolosi enye alisebenzanga kumdlalo odlulileyo, uPitso ucinga ukuxhokonxa ngoYannick Zakri zisuka kumdlalo wempelaveki.

Oku kulandela umsebenzi omhle owenziwe nguZakri oncede iDowns kwiveki ephelileyo.

Le ndedeba, iqhayisa ngamava kwimidlalo yeCaf, inyanzele umqeqeshi wayo ukuba ayisebenzise ngakumbi njengokuba kukho abadlali abonzakeleyo. “Bendisazi ukuba uZakri uzakuyenza ingxaki ngoba uyakhawuleza.

Mhlawumbi singamqalisa kulo mdlalo ungaphandle. Emva kokufaka igowuli, ukuzithemba kuye kuphezulu,” utshilo uPitso ebutsheni bale veki.

Nangona izinto zingayihambelanga kakuhle iDowns kwisizini egqithileyo apha ekhaya – kodwa ifumene inkuthazo emandla emva kokuphumelela iCaf Super Cup.

Ngoku into efunwa nguPitso Mosimane kukugqugqisa kwizwekazi le-Afrika kwakhona, nokukhusela indebe yeChampions League kwaye lo nto uzimisele ukuyenza ngenyameko nokuzimisela.

Umqeqeshi uthi bazilungele zonke izinto abathi badibane nazo kwimidlalo enzima njengalo baya kuwo.

“Sizakuya eMorocco siphinde sibuye, akukho nto sinexhala layo. Ezi zinto siziqhelile ngoku – into ebalulekileyo kuthi ngumdlalo. Asizikhathazi ngempatho-mbi, amabala nezinye izinto – ngumdlalo qha into esijonge kuyo,” utshilo uPitso.