UPitso Mosimane noThembinkosi Lorch bathiwe jize ngamawonga yiPSL

Lux September (PSL), Pitso Mosimane, coach of Mamelodi Sundowns and Thembinkosi Lorch of Orlando Pirates during the Absa Premiership 2018/19 Player and Coach of the Month at the PSL Offices, Johannesburg on the 06 March 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Omnye wabadlali
ekuthenjelwe kubo kwi-Orlando Pirates , uThembinkosi Lorch, uyibeke ecaleni
namhlanje eyokugugusheka kweqela lakhe, abadlali nabaqeqeshi ngokufuna kwabo
ukuphumelela indebe ye-Absa Premier Soccer League. ULorch ukuthethe oku ngethuba
esamkela iwonga lomdlali oqaqambileyo kwinyanga yoMdumba alinikwe yiPSL
namhlanje eGoli. Onye ozuze iwonga ngumqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso
Mosimane, othiwe jize ngelomqeqeshi oqaqambileyo kwinyanga yoMdumba. ULorch ngomnye
wabadlali abaphambili futhi abancede iPirates yasenkcochoyini yePSL ukusukela
izolo. Kwakhona, uLorch ukwangomnye wabadlali abanethuba elihle lokuphumelela
iwonga lomdlali oqaqambileyo kule isizini (Absa Premier Soccer Footballer of
the Season).

Enkampini yeZimnyama,
yindaba yakwamkhozi (ayithethwa) eyokufunwa kweyona ndebe ebalulekileyo.
Umqeqeshi, uMilutin “Micho” Sredojevic, usoloko exelela oonondaba okokuba iqela
lakhe lijongana nomdlalo omnye ngexesha kwaye abafuni ukuzikhathaza ngezinye
izinto. Lo nto seyide yangumthetho futhi ongophulwayo nangabadlali xa bethetha
noonondaba. Izolo uPitso wothuse iintatheli ngethuba ecela ukubuza umbuzo kuLorch.
UJingles ufake ekoneni uLorch athe makaphumele elubala ngokufuna kwePirates
indebe yePSL. “Kwisizini edlulileyo besizama ukuqinisa indlela esidlala ngayo.
Kodwa kule isizini, ndiyakunqwenela ukuphumelela indebe yePSL,” utshilo uLorch.
Nakubeni impendulo kaLorch iye yaqhwatyelwa izandla – kodwa ibashiye
engonwabanga amagosa wePirates abemkhaphile aphethe esola uMosimane ngokumvalela
ekoneni umdlali wawo.

Ngokuwongwa
kwakhe uLorch uthethe wenjenje: “Ndibulela inkuthazo yoogxa bam. Ndibulela
abaqeqeshi abandincedileyo ukuze ndibe ngumdlali ongcono. Ndiye ndavuya kakhulu
xa ndixelelwa okokuba ndizuze iwonga emva kokudlala neCeltic izolo. Okundiphoxileyo
nje kukungaphumeleli umdlalo. Ndibulela kakhulu kwabandivoteleyo.” Yena uPitso
uphinde wayibethelela into ethi ifuna indebe enkulu yePSL watsho encoma
nendlela adlala ngayo uLorch. “Ungumdlali odlala kakuhle kakhulu. Ndinqwenela
akhule ukuze akwazi ukunceda iqela lesizwe. Ngokokwam, uLorch uzakuba phakathi
kwabadlali abaqaqambileyo kule isizini futhi akekho umqeqeshi ongeke akuvuyele
ukusebenza nomdlali onje ngaye,” utshilo uPitso.

“Eli wonga
libalulekile kakhulu kum, kwiqela nakubaqeqeshi endisebenza nabo. Mna
ndizokwamkela nje – kodwa ngabadlali abafanele kukunconywa ngale into. Xa abadlali
bezimisele, abaqeqeshi bayawongwa – kodwa siyayilibala lo nto. Ngaphezulu
kwento yonke, ndifuna ukubulela uManqoba Mngqithi – othi axhuzule imikhala xa
ndingekho. Ungumqeqeshi onamava – kodwa abantu abaninzi bayayilibala lo nto
ngoba akekho semehlweni woonondaba. Ukhe waphumelela iindebe ngoko ke akalilo
isekela. Ungumqeqeshi opheleleyo futhi ulisekela eliphambili kwiPremiership,”
uvale ngaloo mazwi uPitso.