UPitso Mosimane ubhodl’ idangatya ngenxa yokugxothwa kwabaqeqeshi baseMzantsi Afrika!

Owen Da Gama, coach of Highlands Park, Kaitano Tembo, coach of Supersport United, Ernst Middendorp, coach of Kaizer Chiefs and Pitso Mosimane, coach of Mamelodi Sundowns during the Absa Premiership 2019/20 Launch at the Absa Contact Centre, Johannesburg on the 29 July 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Mnye
umqeqeshi eMzantsi Afrika ongasoze agcumele ngaphakathi xa kukho into eyenzekileyo
angayithandiyo ebholeni. Lowo nguPitso Mosimane, umqeqeshi weMamelodi Sundowns.
Kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, ukhwele ezehlela kwiKaizer Chiefs athe isoloko
ixhamla kwiimpazamo ezenziwa ngoosompempe emidlalweni. Ngoku uthi iyamkhubekisa
into yokunganikwa ithuba elaneleyo kwabaqeqeshi balapha eMzantsi Afrika
ngabanikazi bamaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League. Kwiveki ephelileyo,
iCape Town City
yothuse umzi ngethuba ibhengeza isigqibo sayo sokugxotha uBenni McCarthy ngenxa
yeziphumo ezingancumisiyo ezizuzwe liqela ukusukela ekuqaleni kwesizini.
UMcCarthy, indawo yakhe ethathwe nguJan Olde Riekerink, ugxothwe emva
kokuyibeka endaweni entle iCT
City
kwiisizini ezimbini
zilandelelana. Kwisizini egqithileyo, uBenni uzuze indebe yakhe yokuqala njengomqeqeshi
ngethuba iCity iphumelela iMTN8 Cup.

UMosimane
uxelele iintatheli kule veki okokuba kumothusile ukugxothwa kukaMcCarthy watsho
ememelela ukunikwa kwabaqeqeshi balapha ithuba ngamaqela adlala kwiPSL. “Khange
ndiyilindele into eyenzekileyo, andikakholelwa nangoku. Zange ndicinge ukuba
uBenni angayikhathalela into yokuqeqesha – kodwa umsebenzi wokuqeqesha uwubeke
kwelinye inqanaba. Eminyakeni nje emibini engumqeqeshi, uphumelele indebe,”
utshilo uMosimane. Enye yenzinto uMosimane athi zimphazamisile emoyeni wakhe kukugxothwa
kwabaqeqeshi ababini, uClinton Larsen naMaZulu. ULarsen ugxothwe yiChippa
United emva kwemidlalo emihlanu qha kwinyanga ephelileyo, kanti nawo AmaZulu
enze into efanayo kuCavin Johnson.

Ukugxothwa
kwabo baqeqeshi akumphathanga kakuhle uPitso. Bobabini abaqeqeshi abagxothwe
kwinyanga ephelileyo bakwazile ukuwasindisa ezembeni amaqela abebewaqeqesha
kwisizini egqithileyo. “Yandicaphukisa into yokugxothwa kukaClinton Larsen
yiChippa United. Zange ndonwabe xa ndisiva kusithiwa uCavin Johnson ukhululwe
ngaMaZulu. Kutshintshe ntoni ke emva koko? Akukho nto ingako ebonakalayo kuloo
maqela. Thiba baqeqeshi balapha eMzantsi Afrika ngeke siqeshwe kumazwe afana
neSlovakia okanye eSerbia. Kanti ngeke bandithathe naseJamani. Ndithethelela
abaqeqeshi balapha eMzantsi Afrika ngoba xa benokunikwa ituba elanelayo,
bangaziguqula izinto,” utshilo uPitso obeke watshintshiselanga ngamazwi
no-Ernst Middendorp weChiefs kutshanje.