UPitso Mosimane ubophule iintliziyo abeSundowns ayikhuphe kwiChampions League

Idlulele phambili iAl Ahly kwiCAF Champions League emva kokuba ibambene neMamelodi Sundowns emdlalweni obuseLucas Moripe Stadium namhlanje emalanga. Umfanekiso: ©BackpagePix

Iintliziyo zabalandeli beMamelodi Sundowns zophukile kwakhona emva kokuba iqela labo likhutshwe yi-Al Ahly kwiCAF Champions League emdlalweni ophele ngo’1-1 emalanga namhlanje eLucas Moripe Stadium. Ayisikokokuqala uPitso “Jingles” Mosimane esophula iintliziyo zabalandeli beqela abekade eliqeqesha eMzantsi Afrika phambi kokuya kwelona qela elikhulu kwizwekazi le-Afrika. Kwiveki ephelileyo, iSundowns ibuyele ekhaya imisila iphakathi kwemileyo emva kokubethwa ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni ebuseCairo. Nangona kubenjalo, iqela laseMzantsi Afrika lidlale umdlalo obhetele kakhulu kune Al Ahly kwiveki ephelileyo, lo nto yamnika ithemba uManqoba Mngqithi.

Nangona idlale kakuhle kwakhona iMamelodi Sundowns – kodwa iphumile kwiCAF Champions League emva kokuba ingakwazanga ukubetha iAl Ahly ngamagowuli oneleyo abenokuyisa phambili. Isigaba sokuqala siphele amaqela ebambene ngegowuli elinye macala. Iqela laseYiphutha libhakuzelise umnatha ngebhola efakwe nguYasser Ibrahim ngentloko emva kokuba iSundowns ingakwazanga ukuchitha [ibhola] endaweni embi. Aphendule Amasandawana ngebhola efakwe nguMosa Lebusa. Abadlali beSundowns baqhubele phambili besilwa futhi belawula umdlalo ngendlela encomekayo. UThemba Zwane, uSphelele Mkhulise, uGaston Sirino no-Aubrey Modiba ngabona badlali abebeyinkathazo kwi-Al Ahly ebivale mba emva.

Ithe yakubona iSundowns ukuba inzinyelwe kukufumana igowuli lesibini, uMngqithi ufake uKermit Eramus noMauricio Affonso – abafike benza umahluko emdlalweni. UGift Motupa uphantse wayibeka endaweni entle iSundowns – kodwa ibhola yakhe iphume ecaleni. Emva koko, uPeter Shalulile noLyle Lakay bazamile ukukhabela unozinti we-Al Ahly, uMohamed EL Shenawy, kodwa amalinge wabo akaphumelelanga. Ude waphela umdlalo kungekho qela elikwazileyo ukufaka igowuli lesibini. Ngalo ndlela, iAl Ahly indulele kwisigaba esiphambi kwamagqibelakankqoyi ngo’3-1.

Mamelodi Sundowns: D.Onyango, Nascimento, Lebusa, Coetzee, Morena, Modiba, Jali, Mkhulise, Zwane, Sirino, Shalulile.

Amalalela: Mweene, B. Onyango, Lakay, Affonso, Erasmus, Motupa, Maboe, Mudau, Mkhuma.

Al Ahly: El-Shennawy; Ayman, Hany, Benoun, Yasser, Rabia, Dieng, El Soulia, Afsha; Salah, Sherif.