Umqeqeshi weMamelodi
Sundowns, uPitso Mosimane, ucule elinye iculo emva kokuphumelela kweqela lakhe
kwimpelaveki ephelileyo. Amasandawana abethe iChippa United ngo’4-3 kumapenela
emdlalweni weTelkom Knockout obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium. Kuye
kwanyanzeleka okokuba umdlalo uye kwixesha elongezelelweyo emva kokubambana
kwamaqela ngamagowuli amabini macala (2-2). Amagowuli weChippa afakwe
ngu-Augustine Kwem noSilas Maziya. Kanti wona aweSundowns afakwe nguGaston
Sirino omabini phambi kokukhutshwa kwakhe ngenxa yokonzakala ekufumene
kwisigaba sesibini somdlalo. Kwiiveki ezidlulileyo, uPitso Mosimane, uphembe
isintsompothi sengxoxo emva kokugxeka oosompempe abenza iimpazamo ezibangela
amaqela aphulukane nemidlalo. Kwiveki ephelileyo, umtshutshisi wePSL ubizele
uPitso emapulangeni ngelithi ufuna acacise iintetha zakhe azenze kumajelo
endaba.
Phambi
komdlalo obuphakathi kweSundowns neKaizer Chiefs kutshanje – uPitso wathi
yiChiefs yodwa exhamla kakhulu kwiimpazamo ezenziwa ngoosompempe. Kodwa ngoku
uPitso uthi nguye yedwa obancomayo oosompempe xa benze umsebenzi omhle. “Ngubani
oza kubuza ukuba uye njani kwimidlalo ephambi komdlalo wokugqibela? Asidlalanga
kakuhle. Ndiyayazi indlela elidlala ngayo iqela lam. Kungokuba libethwe
yiChiefs, nayo iChippa yaphinda yafaka igowuli kuqala,” utshilo uPitso phambi
kokuphawula ngomsebenzi owenziwe ngusompempe. “Kufuneka sivuyisane noosompempe.
Ndiyavuyisana nabo mna nokuba iqela lam libethiwe. Kodwa ngeke ndingakhalazi
nokuba iqela lam liphumelele. Ukhona umqeqeshi obancomayo oosompempe ngaphandle
kwam? Ndingumntu ovezwa njengomntu osoloko ekhalazela iimpazamo ezenziwe
ngoosompempe. Ndiza kukhalaza kakade xa besenza umsebenzi ombi. Ndiza kuba ncoma
nangani ndimangalelwa nje,” utshilo uPitso emva komdlalo eBhayi.
Amabhokobhoko ebethe iNew Zealand kwaqina ubunganga bawo embhoxweni wehlabathi