UPitso Mosimane ukhwele ezehlela kusompepmpe!!

Pitso Mosimane, Head Coach of Mamelodi Sundowns is sent to the stands during the Absa Premiership 2017/18 football match between Cape Town City FC and Mamelodi Sundowns at Athlone Stadium, Cape Town on 2 February 2018 ©Chris Ricco/BackpagePix

Umqeqeshi weMamelodi
Sundowns, uPitso Mosimane, ukhwele ezela kusompempe ophambili olawula imidlalo
kwi-Absa Premier Soccer League. UJingles wanikwa uphumaphele nguVictor Gomes
ngethuba iSundowns idlala neCape
Town City

kwiveki ephelileyo. Umdlalo waphunyelelwa yiSundowns ngo’1-0. UGomes ngomnye
woosompempe abaphambili kwibhola yaseMzantsi Afrika – kodwa abantu abaninzi
basoloko bemgxeka ngokuthanda ukukhupha amakhadi emidlalweni.

UPitso uthi
lo sompempe ufanelwe yintuthuzelo yomphefumlo ngoba ubonakala njengomntu
ongomelelanga kwaphela ngokwase moyeni xa kudlalwa. “La mfo ufuna kugqame yena
emdlalweni. Makalinikwe ke elo thuba. Ngoku ndizakuhlala kude nebala kuba ndise
ndavakalisa izimvo zam ngento eyenzeke ebaleni. Khange ndimthuke uGomes,
andibasongeli oosompempe,” utshilo uPitso.

Njengokuba iSundowns
idlala umdlalo weNedbank Cup neCape Town All Stars – lo mqeqeshi uzakuphoswa
nguwo. UMosimane uthi uGomes makafunde kwamanye amagosa afana noDaniel Bennett,
abavumayo xa kukho into abayiphazamileyo. “UDaniel Bennet uyazenza iimpazamo
emidlalweni – kodwa uyakwazi ukuvuma xa ezenzile. Ndiyakwazi ukuthetha noBennet
atsho atshi: mqeqeshi, ndibhatyazile namhlanje. Zange asinike iipenela zade
zambini sidlala neKaizer Chiefs. Wayivuma lo nto ngoba sonke siyazenza
iimpazamo,” utshilo uPitso.

Nangona
kunjalo – kodwa uMosimane uvumile okokuba lo kaGomes ngusompempe osemgangathweni
ophezulu. “Ungusompempe olungileyo. Uyazenza iimpazamo ngoba ukhawuleza
anyukelwe ngumoya. Xa ephethe imidlalo yeCaf umoya wakhe ubaphantsi. Ndifuna
abenjalo nalapha,” uvale ngalo mazwi uPitso.