Umqeqeshi ophambili eMzantsi Afrika, uPitso “Jingles” Mosimane, usungule isikolo sebhola ekhatywayo sabantwana emsithweni obubanjelwe eSandton, eGoli, kwiphondo laseGauteng namhlanje emini. Phakathi kweendalutho ebezizimase umsitho kungabalwa inkokeli yaseGauteng, uMnu. Panyaza Lesufi, uMatome Chiloane (uMphathiswa weZemfundo eGauteng) noMnu. Walter Steenbok (Yintloko yeSafa). Nakubeni uJingles esengumqeqeshi ojikeleza (ngomsebenzi) amazwe ngamazwe – kodwa ubone kufanelekile ukuba makaphehlelele isikolo ekuthiwa yiPitso Mosimane Soccer School (PMSS) ngoba unentshisakayo yokuvelisa abadlali bangomso abaxhotyiswe ngokupheleleyo ukuze bakwazi ukukhuphisana neentangazabo kwinqanaba lehlabathi.
Isikolo sikaMosimane siza kwamkela abantwana abangamantombazana namakwenkwe abaneminyaka esuka kwemithandathu ukuya kuthi xhaxhe kwelishumi elinesithathu (6-13). Ukusungulwa kwesikolo sophuhliso yinto aneminyaka ethetha ngayo futhi ukwenzeka kwayo kukufezekwiswa kwephupha lakhe kuye uMosimane. “Kuyandivuyisa ubukho benkokeli yephondo laseGauteng, iSafa, iCurro Holdings, amajelo eendaba nezinye iindwendwe ezihloniphekileyo,” utshilo uMosimane eqala intetho yakhe namhlanje emini. “Ndiyachukimiseka xa kuzalisekisa iphupha lam kwaye ndinethemba lokuba wonke umntu kweli lizwe uza kuwuxhasa umsebenzi owenziwa yiPitso Mosimane Soccer School.
“Siyayibulela inkxaso yenu. Injongo yethu ephambili kwesi sisikolo kukulungiselela wonke umntana ofuna ukudlala ibhola. Sifuna ukumnceda ngokumxhobisa ngoqeqesho olusemgangathweni ophezulu,” utshilo uJingles. Kwiphulo lakhe lokufundisa abantwana ibhola besebancinane, uPitso usebenzisa nezikolo eziphantsi kwenkampani ekuthiwa yiCurro Holdings. “Sifuna ukuvelisa abadlali bangomso sisuka nabo ezantsi,” uvale ngaloo mazwi uMosimane. Uphuhliso esikolweni sikaMosimane luza kukhokelwa ligqala lebhola ekhatywayo, uAugustine Makalakalane. Inkqubo yokufundisa abantwana seyiqalile kwizikolo ezithathu eGoli. Emva kokuphehlelelwa kwesikolo, kulindeleke ukuba kwamkelwe inani elikhulu labantwana.
Impondo Elisha lonwabisa ngomculo walo eGqobhasi kuloMgqibelo