Emva
kwethuba elide uPitso Mosimane nabaphathi beMamelodi Sundowns bengade bavane
ngeenkcukacha ezithile – uPatrice Motsepe uzilungisile zonke izinto. Ngoku
uJingles uza kuhlala kwiSundowns emva kokutyikitya isivumelwano seminyaka emine
njengomqeqeshi oyintloko namhlanje emva kwemini. UMosimane, 55, wafika
kwiSundowns kunzima ngonyaka ka-2012. Ukusukela ngoko, izinto zaguquka
ngendlela emangalisayo. Phantsi kwakhe uPitso, iindebe ezizuzwe yiSundowns
zilithoba ziquka nezifumene kwizwekazi le-Afrika. “Isigqibo esithathwe
sisigqeba esilawulayo kwiSundowns sokumgcina “uSir Alex Ferguson” siyandivuyisa
kakhulu. Ndiyazidla ngomsebenzi owenziwe nguPitso kwaye ndiqinisekile okokuba
abaqeqeshi nabadlali baza kuyithatha iSundowns bayibeke endaweni ephezulu kakhulu
kwibhola yezwekazi le-Afrika,” utshilo uMotsepe.
Enye
yezinto athethe ngayo uMotsepe namhlanje kukuqiniswa kwenkqubo yokuvelisa
abadlali abatsha kwiSundowns. Nangona iSundowns inawo amandla wokuzivelisela
abadlali – kodwa isoloko ixhomekeke kubadlali ebathenge kwamanye amaqela. “ISundowns
inezicwangciso zethutyana nezexesha elide. Phakathi kwezo zinto kukuqinisa
inkqubo yophuhliso lwabadlali abatsha abaza kuthi badlalele iqela elidala
kwixesha elizayo,” utshilo uMotsepe. Akucacanga okokuba yintoni kanye kanye
ebibangela uPitso kuxinge iingxoxo ngokuvuselelwa kwesivumelwano sengqesho
esitsha. Amasandawana anethuba elihle lokuvala le sizini eneendebe ezintathu –
kodwa kusafuneka ayilwele ngamandla eye-Absa Premier Soccer League ngoba
iKaizer Chiefs isahleli phezulu. Njengokuba imidlalo yaye yahlehliswa ngenxa
yekhorona – akukacaci kakuhle ukuba iya kubuyiswa nini na. Kodwa zikhona
iinzame ezenziwayo ngabaphetheyo.
Ubethwe entolongweni uNandipha Magudumana