Akangxamanga kubuyela ekuqeqesheni kwakhona uPitso emva kokushiya iAl Ahly kwiiveki ezidlulileyo. Oku ukuxelele iintatheli kutshanje emva kokunikwa kwakhe isetifiketi sakhe sokuqeqesha (CAF Pro Licence) nguMongameli weSafa, uGqirha Danny Jordaan. Ngoku nguMosimane yedwa eMzantsi Afrika osele efumene isetifiketi esiphezulu esikhutshwa yiCAF esimnika ilungelo lokuqeqesha nokuba kukweliphi na ilizwe afauna ukusebenza kulo. UPitso usaziphumelele emva kokushiya ilizwe lakwaFaro – apho aphumelele iindebe ezintlanu kwisithuba esingaphantsi kweminyaka emibini. “Akhona amaqela andifunayo,” utshilo uMosimane ephendula imibuzo yeentatheli.
“Ndithe makhe ndithathe ikhefu emva kweminyaka ndisebenza. Lithuba lokuba ndiphumle kwaye kumnandi kum. Kumnandi ukuba sekhaya,” utshilo uMosimane encumile. Abantu abaninzi bafuna uPitso abuyele kwiqela lesizwe, aBafana Bafana, emva kokungakwazi kwalo ukuya kwitumente yehlabathi nakwiAfcon – kodwa ambalwa amathuba okwenzeka kwalo nto. “Umdla wokubuyela ekuqeqeshi usoloko ukhona wona – kodwa ndifuna ukuya endaweni endilungeleyo. Andikwazi ukushiya iqela endilise kwiChampions League kathathu, emva koko uye endaweni engacacanga.
“Akhona amaqela andifunayo futhi namaqela esizwe. Into into endingekayiphumeleli, yiAfcon. Izinto zam ndiyazicwangcisa, andifuni ukwenza izinto ngokungakhathali,” utshilo uJingles oncome iSuperSport eyamnika ithuba lokuqala lokuba ngumqeqeshi. “Ngendingekho kwindawo endikuyo ukuba bendingazange ndinikwe ithuba yiSuperSport. Yandibiza iSafa indibone kuyo. Emva kokuqeqesha aBafana Bafana ndaya kwiMamelodi Sundowns endibuyisele kwiqonga lehlabathi,” utshilo uMosimane. Noxa engabizanga amazwe ngamagama, uPitso utshilo ukuba kukho amazwe ankqonkqozileyo anamandla okuphumelela iitumente ezinkulu njenge-Africa Cup of Nations.
Gallo Images
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10