UPitso ngumpondozihlanjiwe

Abadlali nabaqeqeshi beMamelodi Sundowns bebhiyoza emva kokuphumelela indebe yeAbsa Premier Soccer League eGoble Park Stadium kwiveki ephelileyo

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, ngumpondozihlanjiwe ophokeleyo kwibhola yelizwe loMzantsi Afrika.

Ingalilishwa elikhulu ukuba kunokwenzeka kuthi kanti kusekho umntu ebholeni ekhatywayo oyithandabuzayo lo nto. Amasandawana aphumelele indebe yeAbsa Premier Soccer League yesizini ka2018/19 kwiveki ephelileyo emva kokubetha iFree State Stars, ethotyiselwe kwinqanaba elingezantsi, ngo’1-0 emdlalweni obuseGoble Park Stadium.

Njengokuba iSundowns ineendebe zePSL ezilithoba ukusukela ngonyaka eyasungulwa ngawo, phantsi kukaPitso, izuze zane. Yimbali leyo futhi akekho omnye umqeqeshi ophumelele iindebe zePSL ezine, iTelkom, iNedbank, iCaf Champions League neSuper Cup kweli ilizwe – nguPitso Mosimane yedwa.

Nangona uPitso eyindoda eneentshaba ngenxa yamazwi atsarhayo athanda ukuwathetha, kodwa ukufanele ukunikwa intlonipho enkulu.

Kwiminyaka emithandathu ayichithe kwiSundowns, uPitso, akumncedanga uPatrice Motsepe, owayelangazelela ukugqugqisa iAfrika, kufunqule noMzantsi Afrika uphela.

Ngoku iSundowns yaziwa kulo lonke izwekazi leAfrika ngenxa yebhola.

Isizini ka2018/19 ibinzima kakhulu kwiDowns ngoba ibingxathalaziswe yimidlalo yeCaf.

Yiyo lo nto uPitso ethe indebe ezuzwe liqela lakhe yeyona ebinzima ngaphezulu kwazo zonke. Zininzi izinto ezilisokolisileyo iqela lakhe, kodwa liye lanyamezela kwade kwasekupheleni. “Le indebe ibinzima ngaphezulu kunezinye. Andinamdla kangako ngoba zininzi izinto ezithethekayo kodwa ke ndiyabavuyela abadlali neqela lonke. Ibinzima futhi isenzele iintshaba. Akumnandanga ukuphumelela phantsi kwemeko enjalo,” utshilo uPitso obancomileyo abantu asebenza nabo kwiSundowns.

Iingxelo zithi abadlali beDowns baza kubaneepokotho ezifumileyo ngoba kulindeleke babelane ngezigidi ezilishumi zonke zeerandi (R10 million) kanti ingathi kungongezwa ezinye izigidi nguMotsepe obekhona emdlalweni wokugqibela eFree State.

UMotsepe uxelele iintatheli okokuba ufuna uPitso ahlale kwiSundowns ukuze afane nendoda ehlonitshwa lihlabathi lonke ngenxa yomsebenzi eyawenza kwiManchester United, uAlex Ferguson.

“Ndifuna uPitso ahlale futhi abenguFerguson apha kwiSundowns. Sifuna ukumbona ekhula ngakumbi. Khawufane ucinge ukuba ebeqeqesha eYurophu okanye iqela lesizwe. UPitso ngumntu omnyama, ngowalapha eMzantsi Afrika, yiyo lo nto kufuneka sizingce ngendlela ekhethekileyo ngenxa yomsebenzi wakhe. Andinawo amazwi ombulelo kodwa ndifuna ukuthi enkosi kuye wonke umntu,” uvale ngalo mazwi uMotsepe obechulumancile.