UPitso noDa Gama baxhasa ukunyuselwa kukaRhulani

URhulani Mokwena ngumqeqeshi omtsha weOrlando Pirates emva kokuhamba kukaMilutin Sredojevic kwiveki ephelileyo.

UPitso Mosimane no-Owen da Gama baya kuxhasa ukunyuselwa kukaRhulani Mokwena yiOrlando Pirates futhi bathi ukulungele ukuphatha iqela elikhulu.

UMokwena unikwe uxanduva lokuqeqesha iPirates, esekelwa nguFadlu Davids, emva kokuhamba kukaMilutin “Micho” Sredojevic ongumqeqeshi weZamalek ngoku eYiphutha.

Kwiveki ephelileyo, uMokwena ujongene nomdlalo wakhe wokuqala njengoMqeqeshi oyiNtloko ngethuba iPirates ibethwa yiHighlands Park ngo’1-0 emdlalweni weMTN 8. Kanti ngoLwesibini wale veki, iPirates ebindwendwele AmaZulu, ibuye nenqaku elinye emva komdlalo ophele kungekho qela elikwazileyo ukuphumelela.

Ngempelaveki, iPirates iza kwamkela iGreen Eagles emdlalweni wesibini weCaf Champions League.

Kunyanzelekile iPirates iphumelele ngoba yabethwa ngo’1-0 emdlalweni wokuqala eZambia.

“Ulifumene ithuba ekudala elifuna. Ndatsho kwakudala eselisekela lam ukuba uRhulani uza kuba ngumqeqeshi ongcono kakhulu kunam.

Niyayazi ibhola injani, kusafuneka ayihambe indlela. Makangazikhathazi ngokubethwa yiHighlands Park ngoba yinto yasebholeni.

Mna ndaphulukana nemidlalo emithathu – abantu baqala bathetha izinto ngam. Ndinethemba lokuba izinto azingeke zibe mbi bade abantu bathi akakufanelanga ukuba ngumqeqeshi wePirates.

Makanikwe ithuba ngoba noLehlohonolo Seema (weCeltic) ulinikiwe ithuba,” utshilo uPitso weDowns ebambene ngo’1-1 neCape Town City emdlalweni wale veki.

Yena uDa Gama uthe uRhulani unawo amandla wokumelana noxinizelelo lwabalandeli.

“Ndicinga ukuba uRhulani uza kumelana nePirates ngoba uyayiqonda into efunekayo xa ungumqeqeshi wayo futhi angayifumana impumelelo.

Into endingayithetha yile: Abantu mabamthembe ukuba uza kuwenza umsebenzi,” utshilo uDa Gama.

Yimidlalo emithathu yonke ephulukene nayo ngoku iPirates.

Lo nto ibeka uxinizelelo kuRhulani abathi abantu abamboni esisisombululo kumakhasi onxibelelwano.

Nakubeni kunjalo, uRhulani ulincomile iqela lakhe emva kokubambana ngeqanda naMaZulu.

“Kukho izinto ezincomekayo emdlalweni wethu futhi abadlali badlale ngendlela ebesifuna ngayo.

Besifuna iqela elizinzileyo. Siyifumene ke lo nto. Umdlalo ubulawulwa sithi ubukhulu becala futhi siyalamkela inqaku xa sidlalela kude nekhaya emdlalweni ekungafakwanga gowuli kuthi kuwo.

Kufakwe amagowuli aliqela kuthi emidlalweni egqithileyo.

Amabhakaniya mawazingce ngendlela elidlale ngayo iqela ngoba akululanga ukudlala kakuhle emva kokubethwa emidlalweni egqithileyo,” utshilo uRhulani.