UPitso ubamba ngazo zozibini kwiCaf

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, uyalamkela ithuba lesithathu elifunyenwe liqela lakhe emva kwesibhengezo esenziwe yiCaf kwidolophu enkulu yaseYiphutha, iCairo ngoLwesibini wale veki.

IDowns ibuyele ngokusesikweni kwiCaf Champions League emva kokuba iCaf ikhuphe i-AS Vita Club ngenxa yokusebenzisa umdlali ongabhaliswanga kumdlalo eyawudlala neMafunzo yaseZimbabwe kwisigaba sokuqala seChampions League.

Yamkelwe ngezandla ezishushu le mana yiDowns noPitso. “Ngaphandle kwamathandabuzo, zindaba ezimnandi kakhulu ezi kuthi. Yinto enkulu kwaye sifuna ukuzibona siphaya nathi,” utshilo uPitso kwikhasi lomnatha leqela lakhe.

Ngokutsho kwakhe lo mqeqeshi, izicwangciso sezenziwe ngabadlali abaya kwiholide – kodwa akanalo uvalo ngoba unazo zonke izixhobo ezifunekayo kukhuphiswano loompondo zahlanjiwe be-Afrika.

“EMzantsi Afrika sinabo abadlali abakulungeleyo ukumelana namaqela amakhulu elizwekazi le-Afrika. Kunyanzelekile sisebenzise zonke izinto esizifunde kwimidlalo esisuka kuyo. Siyayazi yimpumelelo kuphela xa sidlalela ngaphandle kwelizwe eyona nto ibalulekileyo. Sizimisele ukulimela ilizwe ngokuthembeka,” utshilo uPitso.

IiBrazillians zakhutshwa yi-AS Vita kwiChampions League, kanti kutshanje iphinde yakhutshwa liqela laseGhana kumdlalo wokuqala weCaf Confederation Cup.

UJingles uzimisele ukuqokelela onke loo mava ukuze ahlanganise ngawo xa esiya edabini. Kolu khuphiswano iSundowns iza kudlala neZamalek yaseYiphutha ne-Enyimba yaseNigeria. Njengokuba iSundowns iziintshatsheli ze-Absa Premier Soccer League kwisizini ka’2015/16 – uPitso noKhama Billiat baphinde bathiwa jize ngamawonga enyanga yiPSL.

UBilliat ngoyena mdlali ekulindeleke afumane iwonga lomdlali wonyaka kumsitho wePSL ongeCawe – kanti naye uPitso kulindeleke afumane iwonga lomqeqeshi wonyaka emva kokuphumelela iindebe ezimbini kwisizini ephelileyo.

Kulindeleke iSundowns itshayele onke amawonga abalulekileyo kumsitho wePSL xa kuvalwa ngokusesikweni isizini ka’2015/16 kule mpelaveki.