UPitso ubaqhwabela izandla abadlali bakhe

Iqela loMzantsi Afrika eliphambili, iMamelodi Sundowns, libuyele ekhaya lingenantloni nangona lingaqhubanga kakuhle kwimidlalo yeClub World Cup ebanjelwe eJapan.

Olu luluvo lomqeqeshi uPitso Mosimane, okholelwa ukuba bafundile kumaqela angasentla kunelakhe kule tumente yeFIFA.

Amasandawana abethwe yiJeonbuk Hyundai ngo’4-1 kumdlalo wokugqibela – kanti ngeCawa yeveki ephelileyo, iSundowns, yabethwa ngo’2-1 yiKashima Antlers.

Ikwazile ukudlala umdlalo eyaziwa ngawo iDowns kumdlalo wokuqala – kodwa kuyabonakala ukuba umdlalo wayo uye wafundeka ngokukhawuleza.

Ibilityeli lokuqala eli iiBrazillians zithatha inxaxheba kule tumente ebandakanya amaqela aphambili kwihlabathi.

Kuzo zonke izinto ezenzekileyo, uPitso, ubuye efumbethe izifundo ezithile ngebhola yehlabathi. “Ndiyazingca ngabadlali bam. Kubalulekile ukukhuphisana kwinqanaba lehlabathi, ngoku sinolwazi olungcono.

Niyazibona iJeonbuk ziintshatsheli zase-Asia. Abadlali bayo badlala kakuhle, umdlalo ubalekayo futhi sifundile kubo. Umgangatho wabo uphezulu, siyawazi owethu eMzantsi – ngoku siyawazi nowehlabathi,” utshilo uPitso koonondaba emva komdlalo.