UPitso ubhiyozele iminyaka emihlanu ngesitayile

Pitso Mosimane

Abafana beStyle banike umqeqeshi wabo isipho ngeyona mpumelelo entle.

UPitso “Jingles” Mosimane ufince iminyaka emihlanu njengomqeqeshi weMamelodi Sundowns.

NgoLwesibini, iDowns ingombe kanobom iBaroka FC ngemvula yamagowuli amane eqandeni (4-0) kumdlalo we-Absa Premier Soccer League, eLucas Moripe Stadium.

Emva kwale mpumelelo, iSundowns inyukele phezulu kumanqwanqwa wePSL endaweni ebekuhleli kuyo iBaroka ixesha elide kule sizini.

UJingles uyiqhwabele izandla indlela abadlali bakhe abadlale ngayo neBaroka ezenzele igama kwiPSL ngokungawahloniphi amaqela amakhulu. Kule minyaka mihlanu, uPitso wenze umsebenzi omhle kakhulu.

Umsebenzi wakhe wogqithe bonke abaqeqeshi abathi baqeqesha iSundowns kwimbali yayo kwibhola yaseMzantsi Afrika.

Iindebe ze-Absa Premier Soccer League aze nazo zimbini, iNedbank Cup enye, iTelkom Knockout neCaf Champions League – eyona ndebe ekudala yalangazelelwa nguMnu. Patrice Motsepe.

Enye yezinto ezibalulekileyo ezenzeke phantsi kukaPitso kukudlala kweDowns kwiFifa Club World Cup kunyaka ophelileyo.

AmaSandawana aya ePrincess Magogo Stadium – apho azakuqubisana neGolden Arrows kumdlalo wePSL ngo’15:30 ngoMgqibelo.

Iqela likaPitso liya KwaZulu-Natal lifuna impumelelo ukuze libethelele indawo yalo phezulu kwiPSL.

Umdlalo uzakuba nzima kakhulu ngoba nabo Abafana Bes’thende bafuna ukugcina indawo yabo kwiTop 8 phambi kokuphela konyaka.

Iziphumo zemidlalo yePSL:

Orlando Pirates 0-0 SuperSport United

Cape Town City 2-4 Maritzburg United