UPitso ubulela umqeqeshi weBucs

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, wenze into engaqhelekanga kubaqeqeshi; eyokubulela igalelo elenziwe ngugxa wakhe okweli- nye iqela.

Izolo uJingles ubulele umsebenzi omhle owenziwe kwimidlalo yelizwekazi le- Afrika ngu-Eric Tinkler we-Orlando Pirates. Iqela laseSoweto lilo kuphela elikwazileyo ukuphakamisela phezulu igama loMzantsi Afrika kwibhola yezizwe jikelele apha e-Afrika.

Ngo’95 labuya ne-Africa Champions League, ngo’2013 labethwa kumdlalo wokugqibela, kanti nakunyaka ophelileyo libethwe ngomzuzu wokugqibela kwiCaf Confederation Cup.

UPitso uthi, iBucs yenze umsebenzi omhle kakhulu kwaye nelizwe lithumela amaqela amaninzi ngoku kwimidlalo yeCaf ngenxa yayo.

“Ndifuna ukuthi halala ku-Eric Tinkler ngokusinceda nathi ngokufanayo neKaizer Chiefs neBidvest Wits. Ukudlala kakuhle kwayo iPirates kwenze utshintsho ngale midlalo. Siyazama siyiDowns, kunzima, kodwa kufuneka sizame kangangoko.

Ndihlala ndisitsho ukuba kufuneka sifunde apha kwiPirates ngoba yiyo esinike ithuba lokudlala kwiCaf,’’ utsho uPitso. UJingles uphinde wathi elona qela lizo- hamba lula yiChiefs ngoba ayifumenanga iqela elomeleleyo kwiChampions League. Nangona uTinkler ekwazile ukufikela kwimidlalo yokugqibela kwiCaf Confederation Cup, ikamva lakhe limfiliba ngenxa yokungaqhubi kakuhle kwePirates kwiPSL