UPitso udinga ifolosi enokunceda iDowns kwiCaf Champions League

Pitso Mosimane coach of Mamelodi Sundowns wins the coach of the season during the PSL Awards 2018/19 on the 19 of May 2019 at Durban ICC Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Umqeqeshi
weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, uthi ukhangela ifolosi enokuthi incede
iqela lakhe kwiCaf Champions League. UJingles ukuthethe oku emva kokwamkela
iwonga lomqeqeshi oqaqambileyo yiPSL emsithweni obubanjelwe eThekwini ebusuku
beCawe egqithileyo. Amasandawana ziintshatsheli ze-Absa Premier Soccer League.
Kwisizini ezayo, iSundowns iza kukhusela iphinde izame nokuphumelela iChampions
League ityeli lesibini emva kokukhutshwa kutshanje yiWydad Casablanca phambi komdlalo wokugqibela.
Nangona iSundowns inenqwaba yabadlali – kodwa iza kongeza inani labadlali bayo.
Bakhona ekulindeleke ibakhulule kodwa nayo.

“Sizimisele
ukuligcina iqela lethu nangona kukho abadlali esicinga ukubakhulula. Nakubeni
kunjalo – kodwa kukho imfuneko yokongeza abadlali kwiindawo ezithile. Yonke lo
nto kufuneka siyenze ngobunono. Asimfuni umdlali oza kusinika indebe yePSL
ngoba eli likhoyo iqela likwazile ukuyenza lo nto. Sifuna ukulwela iChampions
League. Sidinga umdlali onokusisa emdlalweni wamanqam kwiChampions League,
siphinde siphumelele. Yilo nto kuphela edingwa yiSundowns ngoba sinalo iqela
eliqinileyo,” utshilo uMosimane emva kokuzuza iwonga eThekwini. Ngoku iSundowns
iqhayisa ngeendebe zePSL ezilithoba zonke – phantsi kukaPitso, iziphumelele
zane.

“Sidinga
umdlali esiqinisekileyo ukuba uza kusinika amagowuli alishumi nangaphezulu
ngesizini. UTade ungumdlali odlala kakuhle kakhulu futhi uza kusinceda – kodwa
imidlalo efana neyamanqam inomahluko. Yena uza kusinceda kakhulu kwimidlalo
yePSL kodwa sidinga umntu onokusinceda kwiChampions League kunyaka ozayo,”
utshilo uMosimane, ecacisa ngohlobo lomdlali amnqwenelayo. Kutshanje, Isolezwe
(KZN) lidize iindaba ezithi uJeremy Brockie ufunwa yiKaizer Chiefs – kodwa
uPitso uzimisele ukuyinika ukuba angafumana uKabelo Mahlasela. Abanye abadlali
ekulindeleke bakhangele amanye amaqela ngu-Andile Jali no-Oupa Manyisa emva
kokungadlaliswa kakuhle nguPitso kwisini egqithileyo.