UPitso ufuna indebe ye-Afrika ngoku

Nangona iqela likaPitso Mosimane, iMamelodi Sundowns, liqhube kakuhle kumdlalo wokuqala weCaf Confederation Cup, kodwa lo mqeqeshi uthi akwanelanga, kwaye ngoku ufuna indebe ye-Afrika njengokuba ezifumene zonke ezi zalapha eMzantsi Afrika.

IiBrazillians zivuthulule iqela laseGhanga, iMedeama, ngo’3-1 eLucas Moripe Stadium. Khange ziphozise maseko iindwendwe; zingcangcazelise umnatha kuqala.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iMedeama ihamba phambili, kodwa amakhwenkwe kaPitso abuye ekuqonda ukubaluleka kokuphumelela umdlalo ekhaya.

ISundowns ibuye namagowuli amathathu kulo mdlalo afakwe nguLeonardo Castro, uKhama Billiat noCuthbert Malajila.

UPitso Mosimane udize iqhinga lakhe elitsha; uthi khange abhekise nelimdaka ilizwi kubadlali bakhe ngexesha lokuphumla. Injongo yakhe ibikukubanika ithuba lokuba bazohlwaye, futhi lo nto imsebenzele. “Ngexesha lokuphumla, ndibayekile. Into endiyenzileyo kukuphunga ikofu yam qha.

Bazilungisile iimpazamo zabo kwisigaba sesibini. Esokuqala isigaba basidlale kakubi, kodwa badlala umdlalo ophucukileyo kwesesibini, ndonwabile kakhulu ngoba sifake amagowuli,” utshilo uJingles.

UPitso uthi wonelisekile njengokuba besondela kwesona sigaba sibalulekileyo kwiCaf Confederation Cup.

Kodwa eyona nto lo mqeqeshi ayijongileyo kukudlala kakuhle kolu khuphiswano ukuze iqela lakhe lenze ngcono kunyaka ozayo kwiChampions League.

“Sifuna ukudlala kwelona nqanaba leConfed libalulekileyo. Siphumelele indebe yePSL, iTelkom Knockout neNedbank Cup, ngoku lixesha lokuba sifumane into enomahluko. Le midlalo izakusinceda kumalungiselelo ethu eCaf Champions League kunyaka ozayo. Besidlala neqela elidlale umdlalo omhle kakhulu,” utshilo uPitso.

Kulindeleke ukuba iSundowns ibuyele kwimidlalo yePSL ngoLwesithathu xa iqubisana neBidvest Wits ebinomnqweno wokuphumelela indebe yePSL ka’2015/16, kodwa yawa phantsi kwiinzame zayo kwiveki ephelileyo.

pedro.mapelo@inl.co.za