UPitso ufuna ukunikwa ithuba emva kwetumente ebiseQatar

Inzalelwane yaseMzantsi Afrika, uPitso “Jingles” Mosimane, iphinde yenza imbali kwakhona ebholeni ekhatywayo. Kutshanje, uJingles uthathe iAl Ahly wayisa kwiClub World Cup ebibanjelwe eQatar. Kulapho iqela lakhe libambe indawo yesithathu emva kokubetha iPalmeiras kumapenela emdlalweni wokugqibela. Phambi koko, iAl Ahly ibethe iAl Duhail phambi kokukatswa ngo’2-0 yiBayern Munich. Nangona iAl Ahly iye eQatar igxeleshe indawo yesibini okungenani – kodwa ukufumana imbasa yeBronze kwitumente yehlabathi ibe yinto enkulu kumqeqeshi. Ebengaqali uMosimane ukuya kwitumente yehlabathi yamaqela ebhola ekhatywayo. Kwiminyaka egqithileyo wasa iMamelodi Sundowns emva kokuphakamisa indebe yeCaf Champions League. Ngoku uPitso ngumqeqeshi wokuqala eMzantsi Afrika oye kabini kwiClub World Cup nophakathi kwabambalwa abanokuthelekiswa namadoda afana noJurgen Klopp noPep Guardiola xa kuthethwa ngokuphumelela iindebe ezibalulekileyo kumaqela wabo.

Abathile eYiphutha, khange bayeke ukuyigxeka indlela ayidlalisa ngayo iAl Ahly – elona qela likhulu kwizwekazi leAfrika yonke. Kodwa nangona kunjalo, uMosimane uthe izinto zithatha ixesha. Lo nto yenzeke nakubaqeqeshi behlabathi abaziwayo. “Emva kokufika eQatar, ndathi injongo yethu kukubuya nendebe. Ngesaya kwisigaba sokugqibela ukuba sasithelekiswe namanye amaqela endaweni yeBayern Munich. Kumthathe iminyaka emihlanu yonke uKlopp ukuze aphumelele. Kwaba njalo nakuGuardiola owathatha iminyaka emine. Nam ndiyalidinga ixesha elingako. Ziinyanga ezintlanu qha ndingumqeqeshi apha, kodwa ke iyandixhasa ibhodi yeqela ekhokelwa nguMahmoud El-Khatib. Kufuneka sifumane abanye abadlali. Asikwazanga ukufaka amagowuli oneleyo kwiClub World Cup. Lo nto ithi kufuneka siqinise indlela iqela elihlasela ngayo. Amagowuli yeyona nto ebalulekileyo ebholeni ekhatywayo,” utshilo uMosimane osele ephumelele iindebe ezintathu eYiphutha.