UPitso ukufanele akufunayo

Ngumqeqeshi obalaseleyo wesizini ka’2015/16 uPitso Mosimane! Oku kubhengezwe kumsitho wamawonga okusonga isizini ye-Absa Premier Soccer League ngoMvulo ebusuku.

Akukho namnye okuthandabuzayo oko ngoba uPitso uzibonakalisile ukuba ungutshotshentla kwicala lokuqeqesha emva kokuphumelela iindebe ezine kule minyaka mithathu idlulileyo.

IMamelodi Sundowns ithathe indebe yePSL ityeli lesibini kwinyanga ephelileyo emva kokuqokelela amashumi asixhenxe ananye amanqaku, kanti kunyaka ophelileyo iye yaphumelela iTelkom Knockout. Sisondela esiphelweni ke isivumelwano sikaPitso neDowns.

Uyibeke yacaca okaMosimane into ethi ufuna uchatha kodwa wathi imali ayiyonto isemqoka kuye. Ayikho into ayifunayo uPitso angayifanelanga emva komsebenzi ongaka awenzileyo. Ngokuqinisekileyo iSundowns iyakuthi imlungise ngoba kufuneka iqela lilungiselele imidlalo yeCAF Champions League. UPitso ngumqeqeshi omnyama wokuqala ophumelele indebe yePSL izihlandlo ezibini eMzantsi Afrika ukusukela ngo’1996. Abadlali beDowns abafana noDennis Onyango, Thabo Nthethe noKhama Billiat baziwolele kumawonga ePSL ekuqaleni kwale veki.