UPitso uphawula ngokufunekayo ukuze iDowns ibhukuqe iChiefs ephezulu

Pitso Mosimane, coach of Mamelodi Sundowns and assistant referee Zakhele Siwela during the MTN8 2019 match between Supersport United and Mamelodi Sundowns at Lucas Moripe Stadiuml, Pretoria, on 01 September 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Iintshatsheli
ze-Absa Premier Soccer League, iMamelodi Sundowns, azikabethwa emidlalweni
emithandathu eziyidlalileyo ukuzothi ga ngoku kule sizini. Emdlalweni waphezolo,
iSundowns ibethe iBlack Leopards ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) eThohoyandou
Stadium. Amagowuli weSundowns afakwe nguThemba Zwane nomdlali weLeopards ogwaze
umkhonto ekhaya ngempazamo. Ihleli kwindawo yesithathu iMamelodi Sundowns
kwiPSL emva kokuqokelela amanqaku alishumi elinesine. Ilandela emva kweBidvest
Wits ekwindawo yesibini kwiPSL ebethe iChippa United ngegowuli elinye (1-0)
eSisa Dukashe Stadium ngoLwesibini wale veki. Kwindawo yokuqala kukho iKaizer
Chiefs eqokelele ishumi elinethoba lamanqaku emidlalweni esibhozo.

Nangona iSundowns
ingxabalazile ngenxa yemidlalo yeCaf Champions League – kodwa isesekhondweni
elihle lokukhusela indebe yayo ngoba ayikaphulukani namdlalo kule sizini. Umqeqeshi
weSundowns, uPitso Mosimane, uthi iqela lakhe lingayikhusela indebe yalo ukuba
lingenza umsebenzi walo ngendlela eliwenze ngayo eminyakeni esixhenxe
edlulileyo. “Ukuba sifuna ukuphumelela indebe yePSL, kufuneka senze le nto
siqhele ukuyenza eminyakeni esixhenxe edlulileyo. Awukwazi ukuthembela ebholeni
ukuba yiyo eya kunceda. Kufuneka uphumelele imidlalo,” utshilo uPitso emva
komdlalo izolo. Ethetha ngobunzima bokhuphiswano phakathi kwamaqela edlala
kwiPSL, uPitso uthe onke amaqela angabethana – kodwa elifuna ukuphumelela
indebe ekugqibeleni – kufuneka liphumelele imidlalo emininzi kunamanye amaqela.

Emva
komdlalo wayizolo, uPitso umgxekile usompempe ongalinikanga iqela lakhe ipenela
emdlalweni. Uthe yiChiefs yodwa esoloko izuza kwizigqibo okanye kwiimpazamo
ezenziwa ngoosompempe. Nelakhe iqela malizuze. UPitso ukuthethe oku emva kokuba
iChiefs inikwe ipenela “efanelekileyo” emdlalweni ebethe kuwo iGolden Arrows
ngo’2-0 ngoLwesibini wale veki.