UPitso uqweba iqhinga le-Enyimba erhabaxa

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, ulindele abadlali baseNigeria abanamandla, amarhabaxa kwindlela yabo yokudlalo xa bedlala neqela lakhe.

IiBrazillians zamkela i-Enyimba kumdlalo wokuqala wala maqela weCAF Champions League namhlanje ngokuhlwa ngentsimbi yesixhenxe eLucas Moripe Stadium. Amasandawana akanalo nelinye inqaku emva kokuphucwa amanqaku amathathu omdlalo owawuphakathi kwawo ne-ES Setif ethe yasikwa ngenxa yabalandeli bayo abenza udushe phambi kokuchithwa komdlalo ngusompempe. UPitso akoyiki futhi nokuhamba kukaRamahlwe Mphahlele, otyikitywe yiKaizer Chiefs, akumxhalabisi nakancinci.

Eli qela lasePitoli lifumene inyhweba yokubuyela kwiChampions League emva kokuba kwathi kwagxothwa i-AS Vita Club eyophula imithetho yeCAF. Umqeqeshi weDowns uthi basifundile isifundo kwaye igqondo yakhe nabadlali bakhe ikulo mdlalo wanamhlanje. “Into esiyifunde kwiChampions League yile: akufanelana uvulele amagowuli kwimidlalo esekhaya, ngakumbi kwesi isigaba sikuso ngoku. Yileyo into esiyifundileyo endaweni yokuhambe sikhalazela ukulahlekelwa ngamanqaku. Sinikwe inyhweba. Kuninzi kakhulu esinokuzuza. Kule indawo sikuyo ngoku, singatsho ukuba siphakathi kwamaqela amakhulu kwi-Afrika iphela,” utshilo uPitso kwincoko ne-Independent Newspapers.

UJingles uthi kweli ityeli uzimisele ukuyiphelisa le nto abantu bacinga ukuba yi-Orlando Pirates enceda amaqela eli lizwe ukuze afumane ithuba lokudlala kwimidlalo yeCaf. “Kufuneka sifikelele kwimidlalo yokugqibela yolu khuphiswano. Noko iingcingane zethu zitshintshile kancinci. Ukuzithemba kuthi kubuyile, kufuneka siphumelele,” utsho uJingles.

“Bayingozi kakhulu xa behlasela abadlali be-Enyimba. Indlela abadlala ngayo siyayazi ngoku. Kwiibhola eziphezulu kufuneka silumke ngoba banawo amandla kuzo,” utshilo lo mqeqeshi. UPitso uthi ukungabikho kukaMphahlele bekuvakala kwiqela lakhe.