UPitso uthi akanakubethwa kabini yiChiefs

UPitso Mosimange noSteve Komphela kulindeleke babonakalise ubuchule babo xa kudibana amaqela wabo eFNB Stadium ngoMgqibelo

Kule veki abalandeli bebhola ekhatywayo bazakuthontelana ebaleni beyokubukela umlo wamaqela amakhulu logama abanye bazakube bebukele kumabonakude emakhaya.

Amakhosi amkela iMamelodi Sundowns kowona mdlalo kulindeleke ukuba ube nzima macala omabini ngo’20:15 eFNB Stadium ngoMgqibelo.

Emva kokuba iKaizer Chiefs ibethe iBaroka FC ngo’2-1 okokuqala kwiveki ephelileyo, ngoku izibhaqa inyanzelekile ibethe iSundowns ukuba ngokwenene iyakufuna ukuphakamisa eyona ndebe ibalulekileyo ebholeni eMzantsi Afrika.

Ingxaki ejongene nayo ngoku yile yokuba uPitso Mosimane ebetha ngenqindi phantsi ngelithi soze iqela lakhe libethwe kulo mdlalo wale mpelaveki.

UPitso uya eFNB Stadium enezinto ezimbini engqondweni yakhe: Ukubetha iChiefs nokuqinisekisa ukuba iqela lakhe aliphumi lingxwelerhekile kumdlalo ozayo ngoba akafuni liphulukane nendawo yokuqala.

Kwiveki ephelileyo, iDowns ivuthulule ngaphandle kobunzima iPlatinum Stars ngo’3-0 ngoncedo lweziqwayi zayo zabadlali eziquka uKhama Billiat noSibusiso Vilakazi ekulindeleke badlale indima ebalulekileyo nakulo mdlalo.

UPitso uzakuziphatha zonke iinduku zakhe ezisemgqubeni ezifana no-Aubrey Ngoma noJeremy Brockie oyingozi kakhulu phambi kweepali.

“Kufuneka sisebenzise ingqondo emdlalweni. Asifuni tu ukubethwa. Nokuba asiphumeleli – kodwa asifuna ukubethelwa eFNB Stadium,” utshilo uPitso ekuqaleni kwale veki.

UJingles ulungiselela iChiefs ethanda ukuhlala emva – kodwa ethi isebenzise ithuba elifumanayo. Yena kwelakhe icala uthi uzakuqula aligangathe into engazukwenzeka kukubethwa.

Kwelakhe icala uKomphela uvumile okokuba umdlalo weChiefs neSundowns uzakunika umdlalo kakhulu.

Ukuthethe oku emva kokuba iqela lakhe lidlale imidlalo emine lingabethwanga – kodwa ingxaki elinayo ngoku kunyanzelekile liyibethe iSundowns (ehleli phezulu kwiPSL) ukuze licuthe umsantsa wamanqaku amahlanu phakathi kwalo maqela.

UKomphela ukhuthazwe ngumsebenzi omhle owenziwe nguLeonardo Castro osuka kwiSundowns okulindeleke agadwe kakhulu emdlalweni. “Indlela isende – kodwa kufuneka sisondele kwiDowns,” utshilo uKomphela.