UPitso uthi uMahlambi kufuneka alandele ekhondweni likaTau

UPhakamani Mahlambi esamkelwa njengomdlali omtsha weMamelodi Sundowns nguPitso Mosimane. Umfanekiso: Uthunyelwe

Ifolosi
entsha yeMamelodi Sundowns, uPhakami Mahlambi, kufuneka ayitshaye isaqhuma
ngoba umqeqeshi wakhe ufuna acangcathe ngqo ekhondweni likaPercy Tau – othengwe
liqela lebhola ekhatywayo laseNgilane phambi kokuvulwa kwesizini entsha. UPitso
Mosimane ufuna uMahlambi (20) afake amagowuli – kanye la nto ibisenziwa nguTau
kwisizini edlulileyo. UMahlambi ugaleleke kwiSundowns kwiveki ephelileyo emva
kokuthengwa ngemali eqikilelwa kwizigidi ezilishumi elinesithathu zerandi
(R13-million) kwiqela eliphambili eYiphutha ekuthiwa yi-Al Ahly.

IDowns
iyasokola kwicala lokufaka amagowuli ukusukela oko kuthe kwahamba uKhama
Billiat noTau – abona badlali ebixhathise ngabo kwisizini edlulileyo. UJeremy
Brockie, owathengwa ekuqaleni kwalo nyaka, kuse nzima kuye kwicala lokufaka
amagowuli – lo nto ibangela iDowns ingakwazi ukuphumelela imidlalo. “Sityikitye
isivumelwano sengqesho seminyaka emihlanu noMahlambi. Into esiyifunayo kuye
kukuba afake amagowuli qha ngoba siza koyama ngaye kule sizini. Sifuna enze la
nto ibesenziwa nguTau,” utshilo uMosimane ngethuba ethetha neentatheli
ekuqaleni kwale veki.

Emva
kokuphulukana nabadlali bakhe abaphambili, uMosimane utyikitye iziqwayi
zabadlali abaliqela abaquka uJose Ali Meza, u-Andle Jali, uTony Silva, uLyle
Lakay, uLebohang Maboe, uReyaad Pieterse noMosa Lebusa. Emva kokungaqhubi
kakuhle kwisizini entsha nasemva kokukhutshwa kwiCAF Champions League – ngoku
uPitso uthi kungathatha ixesha elide ukuze ibuyele kwisimo sayo iSundowns.
“Kufuneka ndinike abadlali bam ithuba lokufundana phambi kokudlala umdlalo
odibeneyo. Lo nto ingayithatha neminyaka emibini. Kufuneka sibe nomonde ngoba
ezi zinto zithatha ixesha elide phambi kokuba zidibane,” utshilo iPitso.