UPitso uwufezekisile umnqweno kaPatrice Motsepe

UHlompho Kekana, uWayne Arendse no-Anthony Laffor beMamelodi Sundowns bebhiyozela ukuphumelela iTOTAL CAF Super Cup eLoftus Verveld Stadium umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Amakholwa athi avume ingoma akube efumene umoya ophilisa intliziyo, nowasondeza kuThixo. Le ngoma ithi “Kudala ndizula ndifuna lo Jesu, ndamthola lo Jesu.” Le ngoma iculwa ngumntu ochulumancileyo.

Naye uPatrice Motsepe ucula yona entliziyweni yakhe, uthi ndamfumana umqeqeshi ofezekise umqweno wam wokugqugqisa i-Afrika.

Ekufikeni kwakhe njengomnikazi weMamelodi Sundowns, uPatrice Motsepe, wabethelela into ethi iDowns kufuneka ibe liqela eliphezulu e-Afrika.

Yenzekile lo nto emva kwabaqeqeshi abaliqela phambi kwalo anaye ngoku. Ukufika kukaPitso Mosimane kuyiguqule iSundowns yaliqela elihlonitshwayo eMzantsi Afrika, kwizwekazi le-Afrika ukuya kwihlabathi.

UMotsepe akaphoxekanga kuPitso ngoba kule minyaka mine idlulileyo ungenise iindebe zePSL ezimbini, eyeNedbank neTelkom.

Ngelo xesha ebesanyel’imbambo ngoba bekuseza izinto ezinkulu. Kunyaka ophelileyo utshintshe igiya uJingles namakhenkwe wakhe.

Yathi iDowns yakufumana ithuba lokudlala okwesibini kwiCaf Champions League yalisebenzisa ngobunono.

Iphumelele iCaf Champs League okokuqala kwimbali yayo emva koko yaliqela lokuqala eMzantsi Afrika elidlale kwiFifa Club World Cup ebiseJapan ekupheleni kuka’2016. Kule veki iphelileyo iSundowns iphumelele iCaf Super Cup emva kokubetha iTP Mazembe ngo’1-0 kumdlalo obuseLoftus Stadium.

Igowuli lempumelelo lifakwe ngumdlali wasemva uRicardo Nascimento. Ngoku iSundowns lelona qela litshatsheleyo kwibhola ekhatywayo e-Afrika.

Yilo nto kanye eyayifunwa nguMotsepe nomqeqeshi wakhe uPitso. “Ndivuyela ukuyifumana le mbasa ngoba yeyona ebendiyifuna phambi kokuba ndithi ndigqibile nge-Afrika. Ndibulela abaphathi, oogxa bam nabo bonke abantu abasixhasileyo. Andiyikholelwa le nto! Sizintshatsheli ezingaphikiswayo e-Afrika,” utshilo uPitso emva komdlalo.