UPitso uxhalabile kukonzakala kwabadlali

IMamelodi Sundowns igalelekile kweli loMzantsi Afrika izolo emva kohambo lwaseKinshasa, apho ibethwe khona yi-AS Vita, ngegowuli elinye eqandeni kumdlalo womlenze wokuqala weCAF Champions League.

ISundowns inikezele ngomzuzu wokugqibela kulo mdlalo, yavumela i-AS Vita ukuba ifake igowuli nekwazileyo ukuphumelela umdlalo ngalo. Iqela likaPitso Mosimane liza- kwenyuka iqhina xa lidlala, ne-AS Vita kumdlalo womlenze wesibini kwiveki ezayo, ePitoli.

Ukuxakeka kweMamelodi Sundowns kwezi veki zimbini zizayo kuzakuchaphazela indlela elizakuqhuba ngayo iqela likaMosimane, kwaye naye imenzela ixhala loo nto.

Ngomso iSundowns, ehleli kwindawo yokuqala kwiPremier Soccer League izakube ijamelene nePolokwane City e-Old Peter Mokaba Stadium, kumdlalo wePSL ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa. Emva kwalo mdlalo phakathi kweSundowns neRise and Shine, ngoMgqibelo iSundowns iza- kwamkela iJomo Cosmos ehleli kwindawo yesibini ukusuka ekugqibeleni kwiPSL.

Lo umdlalo uzakudlalelwa eLucas Moripe Stadium ngokuhlwa ngoMgqibelo. Ayiphelelanga apho kuba ngoLwesibini iSundowns izakungquzulana ne-AS Vita kumdlalo womlenze wesibini bakugqiba balungiselele i-Orlando Pirates, kumdlalo weNedbank kulo Mgqibelo uzayo.

Ixhala likaMosimane kukuba ukutshintshwa tshintshwa kweqela kungachaphazela indlela abadlala ngayo abadlali bakhe.

“Ngokwalo mzuzu imeko ayikhontle kuba sinabadlali abambalwa abenzakeleyo, kodwa sinethemba lokuba singabuyisa abadlali abathile kweminye imidlalo,”utshilo uMosimane.