UPitso uyavuya kodwa inye into angayifuniyo kuTau

Percy Tau of Mamelodi Sundowns celebrating his goal during the Absa Premiership 2017/18 game between Free State Stars and Mamelodi Sundowns at Goble Park, Bethlehem on 11 September 2017 © Frikkie Kapp/BackpagePix

Amasandawana afake engxoweni amanqaku amathathu onke namhlanje emva kokubetha iFree State Stars ngo’2-1 kumdlalo we-Absa Premier Soccer league obungelulanga eGoble Park Stadium kobu busuku. Umdlali oye wabalasela nofake amagowuli amabini weDowns kulo mdlalo nguPercy Tau – omnye wabadlali abayingozi kwiqela likaPitso Mosimane. Kuye kwanyanzeleka uPitso abophe amabande phambi kwalo mdlalo ngenxa yabadlali bakhe abaninzi abonzakeleyo – kodwa ngethamsanqa izinto zilihambele kakuhle iqela lakhe nangona belidebene neqela eligolozayo – iFree State Stars.

UPitso uwamkele amanqaku amathathu – kodwa eyona nto emonwabise kakhulu ngamagowuli afakwe nguTau kulo mdlalo. Lo nto yenziwa kukuba uTau engoyena mdlali afuna antingele phezulu kwikhono lakhe lebhola ekhatywayo ngoku. “Ndicinga ukuba umdlalo ubungekapheli – kodwa ke kulungile. Lindishiye ndiphoxekile igowuli elifakwe ekupheleni komdlalo,” utshilo uPitso.

UTau ngomnye wabadlali abanesiphiwo sokudlala ibhola ekhatywayo futhi okwaneliso lokufaka amagowuli – kodwa inye uPitso into angafuni ayenze: kukwenza amatshamba ebaleni okanye ukudlala ngebhola. “Namhlanje ndiyavuya ngoba sibonile ukuba xa ekhaba ekude uTau uyakwazi ukufaka amagowuli. Kudala eyizama lo nto enkampini. Sifikile sawulawula umdlalo apha, siwafumene namanqaku – ndonwabile,” utshilo uPitso.

Impumelelo yanamhlanje ithathe iSundowns yayoyilahla kwindawo yesithathu kwiPSL. Iqela likaLuc Eymael lizamile ukuxhathisa kwisiqingatha sokuqala futhi lidlala umdlalo odibeneyo – kodwa kuye kwacaca okokuba akululanga ukudlala neDowns. IiBrazilians zikwazile ukuyifaka phantsi koxinizelelo iFree State Stars yade yavula kanye phambi kokuya kwixesha lokuphumla. Njengeqela elinamava, iDowns ibuye yafaka elesibini kwatsho kwanzima kwiStars. Ikwazile iFree State ukufumana igowulo lokubika – kodwa ixesha beselimkile.

Free Stars: Sangare, Masehe, Mobbie, Keita, Phungwayo, Abubakar, Vilakazi, Mokhuoane, Manqele, Mthembu, Hlubi.

Mamelodi Sundowns: Brimah, Soumahoro, Madisha, Arendse, Hachi, Lebese, Manyisa, Castro, Ngcongca, Vilakazi, Laffor (Tau 28′).