UPitso uyifungele iAl Ahly emdlalweni osePitoli

Umdlali weAl Ahly, uHlompho Kekana noosompempe phambi kokuqala komdlalo weCAF Champions League obuphakathi kweMamelodi Sundowns neAl Ahly obuseCairo kwiveki ephelileyo. Umfanikiso: CAF/Facebook

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, akafuni ukunikezela nangona iqela lakhe libuye lijingxela eYiphutha kwiveki ephelileyo.

ISundowns iguqiswe phantsi ngamagowuli amabini eqandeli (2-0) lelona qela elikhulu kwizwekazi leAfrika, iAl Ahly, emdlalweni wokuqala weCAF Champions League obubanjelwe elizweni lakwaFaro.

Amasandawana lelona qela elixakekileyo eMzantsi Afrika. Lingxabalazile ngenxa yemidlalo yeChampions League, eyeNedbank Cup neyeAbsa Premiership.

Kodwa nakubeni kunjalo, uPitso ucinga ukuba amakhwenkwe wakhe angayibetha iAl Ahly adlulele kwisigaba esiphambi kwesokugqibela seChampions League.

ISundowns iza kwamkela iAl Ahly emdlalweni wesibini eLucas Moripe Stadium emalanga ngoMgqibelo. Ukuze iSundowns ikwazi ukuya phambili, kufuneka iphumelele umdlalo ngamagowuli amathathu eqandeni ubuncinane kodwa kungafakwa nto kuyo.

Ingenzeka lo nto? Xa ubani ejonga imbali eyenziwa yiDowns ngethuba ibetha iAl Ahly ngo’5-0 emdlalweni owawuseLucas Moripe Stadium, omnye umntu angathi ewe, ingenzeka lo nto.

Amathuba weSundowns wokuphinda into eyenzeka kwiminyaka eyadlulayo ambalwa kakhulu kodwa ke, ibhola ayinazo izigqibo. Iqela laseYiphutha ligaleleke eMzantsi Afrika ekuqaleni kweveki ngoba abaqeqeshi balo bayakwazi ukubaluleka komdlalo wangoMgqibelo.

Umqeqeshi weAl Ahly ufuna abadlali bakhe baziqhelanise nemeko yasePitoli kwangoko ukuze lufike usuku lomdlalo bewulungele ngokupheleleyo.

“Kwakuba nzima ukuguqula amagowuli amabini angene kuthi kodwa kunyanzelekile sinyuse umxakatho xa sisePitoli. Ayikho enye indlela,” utshilo uPitso emva komdlalo eCairo.

Amasandawana ebefuthaniselwe yiAl Ahly kowayo, kodwa uJingles uthi ukuba abadlali bakhe bebelisebenzisile ithuba abalifumene ekuqaleni komdlalo, ngekuye kwathethwa enye into.

“Kunyanzelekile sifake amagowuli ePitoli. Ndiyavuyisana neAl Ahly kodwa izinto ziyajika ekhaya. Ungabuza nokuba leliphi iqela. Ndikhalela nje ithuba esingalisebenzisa ekuqaleni komdlalo ngoba ngekuthethwa enye into ngoku,” utshilo uPitso.

Injongo yakhe uPitso ibikukungabethwa eYiphutha kuba efuna ukuyibethela ePitoli. Umqeqeshi weAl Ahly, uRene Weiler, uthe wonelisekile yimpumelelo kodwa iqela lakhe bekufanele liwasebenzisile amathuba ngoba uyabazi ubunzima eliza kujongana nabo eMzantsi Afrika.

pedro.mapelo@inl.co.za