UPitso uyinika iCape Town City indebe yePSL

Pitso Mosimane coach of Mamelosi Sundowns and Steve Komphela coach of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership Kaizer Chiefs and Mamelodi Sundowns Press Conference on the 30 March 2017 at Hollard Offices © Sydney Mahlangu/BackpagePix

Ukhuphoswano lwendebe ye-Absa Premier Soccer League luthande ukunyukela kwelinye inqanaba kule isizini. IMamelodi Sundowns, eziintshatsheli ezikhuselayo, ikhuphisana neCape Town City, iSuperSport United neKaizer Chiefs. Nakubeni umqeqeshi weDowns, uPitso Mosimane, ezimisele ukuyigcina le ndebe iphambili kwibhola yoMzantsi Afrika – kodwa uthi ucinga ukuba iCape Town City iza kuyiphumelela le ndebe.

Eli qela laseKapa lihleli kwindawo yokuqala kwiPSL ukuzakuthi ga ngoku kwaye lamkela iChippa United kumdlalo walo ozayo ngoMvulo. UPitso ukuthethe oku ngethuba encokola neentatheli ngomdlalo omkhulu ophakathi kweqela lakhe neKaizer Chiefs ngo’15:00 eFNB Stadium ngoMgqibelo. UJingles ucinga ukuba iChiefs inethuba lokulibetha iqela lakhe kweli tyeli ngenxa yokonzakala kwabadlali bakhe abaliqela.

“Andazi nokuba ukhona na umntu okule ngxaki sikuyo. Abadlali bethu abaninzi bonzakele. Kodwa ke siyazi ukuba kungenxa yemidlalo eminzi esiyidlalileyo ngaphezulu kwawo onke amaqela. Kutshanje besidlala neCape Town City – eyayineentsuku ezisibhozo uphumle,” utshilo uPitso.

“Phambi komdlalo wethu neChippa United sasidlale imidlalo emininzi, emva koko kwanyanzeleka ukuba siye eKapa. Bekunyanzelekile kubekho umdlalo esiphulukana nawo kule imeko. Ndibona iCape Town City inethuba lokuphumelela indebe yePSL ngoba abadlali bayo baphumle ngokwaneleyo,” utshilo uPitso.

Ephawula ngomdlalo wempelaveki, umqeqeshi weDowns uthe iChiefs ayixakekanga njengeqela lakhe, baya kulo mdlalo bengadinwanga. “Sihamba lonke eli thina. Kwinyanga ezayo, sizakube sidlala qho emva kweentsuku ezintathu. Kanti kusekho nemidlalo yeCaf Champions League. Andiqinisekanga ngeWits kwiConfederation Cup. Ndiqinisekile iSuperSport iza kuqhuba kakuhle kwiConfed Cup. Sonke sisengxakini. Siza kukhathazwa kukonzakala kwabadlali nokuhamba-hamba,” uvale ngalo mazwi uJingles.