Ibethwa ngumoya iMamelodi Sundowns emva kokubetha iJomo Cosmos ngo’2-0 eLucas Moripe ngempelaveki edlulileyo. Iqela elilandelayo, iBidvest Wits, iliphosile ithuba lokufumana iDowns emva kokubambana ngo’1-1 neFree State Stars.
Amakhwenkwe kaPitso amathathu athembele kuwo khange amphoxe kwiveki ephelileyo. ULeonardo Castro noKeagan Dolly ngabo abancede iDowns ngethuba ibetha iPolokwane City ngoLwesithathu odlulileyo, ngempelaveki uKhama Billiat noCastro ngabo abakhulule iqela likaPitso.
Nangona zikhona iimpawu zokudinwa kubadlali beDowns, kodwa into abayenza kakuhle, kukugalela amagowuli emnatheni. Yilo nto efunekayo kumaxesha anje, kwaye ukuphumelela nokuba kukanjani yinto ayikhuthazayo nomqeqeshi. “Into ebalulekileyo ngoku kukufumana iziphumo ezihle,” utsho uPitso.
“Ndiyamvuyela uCastro ngoba ufaka amagowuli. Ngokunjalo noKhama. Ebethande ukunqaba amagowuli apha kuye,’’ utshilo uJingles.
UPitso uyincomile kodwa indlela edlale ngayo iCosmos esithi iyingozi. “UMashumba noMonare phaya esiswini bahle kakhulu,” utshilo uPitso.
UVilakazi usola usompempe ngokuphuma kwaMaZulu kwiNedbank Cup